DA: ‘Ayisoze yoxuthwe imali yendodla sanukoyikiswa’

Amalungu ePalamente eKapa kumbutho iDA, uBaxolile Nodada kwakunye noSiviwe Gwarube ngethuba betyelela uluntu kwimigca ezibhankini kumbindi wedolophu eMonti. UMFANEKISO: ABONGILE GINYA

ULindelwa Kolisi (61) waseZiphunzana eMonti uthi uzakuvota ukuvota oku nangona esuke wayindindi ngenxa yokuba azide zifezekiswe izithembiso awayethenjiswe ngazo ngumbutho ekudala wawuvotela oyiANC. Uthi yiminyaka engapha kweshumi wayebhaliswe kudala ukuba uza kufumana indlu kodwa kunangoku akakayifumani koko usahlala kwela tyotyombe livuzayo xa kunetha.

UKolisi ukutsho oku ngethuba amalungu ePalamente eKapa ombutho iDemocratic Alliance (DA) etyelele amaxhego kwakunye namaxhegwazana kwimigca yeebhanki ezikumbindi wedolophu eMonti ngoMvulo ngeenjongo zokugaya inkxaso njengoko sele lusemnyango uvoto.

I-DA ixelele amaxhewukazi ukuba mawangoyiki, mawakhululeke avotele nokuba ngowuphi na umbutho bangoyikiswa ngokuba xa bengavoteli umbutho olawulayo iANC bazokohluthelwa indodla yabo.

Abo bebekolu tyelelo nguMbhexeshi oyiNtloko kwiDA ePalamente eKapa uSiviwe Gwarube, ilungu lePalamente eKapa elimele ezeMfundo uBaxolile Nodada bekhokelwe nguChantel King waseBCM nolilungu lePalamente eBhisho.

UGwarube, uthi, umyalezo wabo ulula kakhulu ngowokuba ukuba uluntu lufuna ukukhusela indodla yabo, maluvotele umbutho ozakukhusela imali yabo ingabiwa.

Uthi imicelimngeni yoluntu yokufola imini yonke ezibhankini xa inoba kulawulo iDA ingazisombulula ezo ngxaki kwaye nemali ingene kwangexesha kungabikho libaziseko. UGwarube ukwathi bakwagxeleshe nokuyonyusa imali yabantwana yesibonelelo njengoko babetshilo nakumqulu wezithembiso zabo.

“IMpuma Koloni lelinye lamaphondo ahamba phambili kwindlala kungoko iDA izimisele ukonyusa imali yabantwana abakwiminyaka eselula ukunqanda iziganeko zoomama abathatha ubomi babo nobabantwana ngenxeni yeengxaki. Xa inoba kulawulo iDA zingasombululeka ezo ngxaki kwaye akunakuze kuphinde kubekho iziganeko ezifana nezi eMpuma Koloni,” utshilo uGwarube.

Uninzi lwabahlali phantse bonke bakhalele izindlu ababethenjiswe ngazo kudala. Umhlali waseMpongo eTsholomnqa, uNomsa Ngqangala (71), obefolele indodla yakhe naye, uthi ufunde into kwiDA namhlanje kuba ebesoloko esoyika ukutshintshela komnye umbutho kuba ezakoxuthelwa imali.

“Kudala ndingoneliseki yiANC eyandithembisa ngendlu kudala kunanamhlanje andikakhelwa, amagama am kudala athathwa. Into ibindenza ndoyike ukuphuma kukuba bendisoyika ukungarholi inkamnkam kuba ndeva kaloku kusithiwa izakoxuthwa. Indifundisile ke le DA ukuba akunjalo,” utshilo uNgqangala.

Utat’ Qondile waseKwelerha obesemigceni naye, uthe xa ejongile olu lwalo nyaka ulonyulo luza kuba nzima kuba basekwindindi.

“Ndizakubona xa ndiphambi kwebhodi ngala mhla wovoto ukuba ndakuvotela eyiphi kona kona kobanzima kuba bonke beza nezithembiso bangazifezekisi.”