Kubanjwe abane neegusha ezibiweyo kunye nemipu engenampepha-mvume

Kubanjwe abane neegusha ezibiweyo kunye nemipu engenampepha-mvume.

Abarhanelwa abane, amadoda amathathu kunye nowasetyhini, babanjwe kulandela isehlo sokuphanga kwifama yaseAlicedale eMpuma Koloni. Ukubanjwa kwabo kukhokelele ekufumaneni iigusha ezisixhenxe nemipu emibini engenampepha-mvume.

Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa uKapteni Marius McCarthy, ngoLwesihlanu, umhla wesithathu kuCanzibe ka2024, malunga nentsimbi ye-05:45, amadoda amathathu kunye nowasetyhini ababehamba ngemoto yohlobo lweToyota Quantum bamisa kwifama engaphandle kwaseAlicedale.

“Abarhanelwa abane baqala ngokuhlasela abasebenzi basefama ababini kwaye babakhomba ngemipu. Ngethuba loku, abanye abarhanelwa bakwazile ukulayisha iigusha ezisixhenxe ngaphakathi kwesithuthi phambi kokuba babaleke kwindawo yexhwayelo,” utshilo uMcCarthy.

Ingxelo ithi umnini fama obengekho kule fama, uxelelwe ngoko nangoko, waze walumkisa inkampani yabucala kunye nesikhululo samapolisa sasekuhlaleni.

“Isithuthi sokubaleka sasasazwa kuwo onke amajelo osasazo amapolisa. Njengoko umnini fama wayesendleleni eya efama, wabona isithuthi waza wasilandela kwangaxeshanye ehlaziya amapolisa njengoko wayeqhuba.

“Emva kwexesha, amapolisa amisa iToyota Quantum kwindlela uN10, ngasePatensie.

“Abarhanelwa abane kunye neegusha ezisixhenxe ezibiweyo bebesesithuthini. Kwesi sithuthi kufunyenwe nemipu emibini engenampepha-mvume,” utshilo uMcCarthy.

Abarhanelwa abane abaneminyaka ephakathi kwamashumi amathathu anesibini (32) namashumi amane anesithandathu (46) baye babanjwa bavalelwa ngezityholo zokuphanga nokuba nemipu ngaphandle kwempepha-mvume.

UMkomishinala weSithili saseSarah Baartman, uMajor General Zolani Xawuka, uqhwabele izandla wonke umntu obandakanyekayo ekubambeni aba barhanelwa ngomsebenzi wabo omhle.

“Impendulo ekhawulezileyo nolungelelwaniso olululo olwenziwa ngawo onke amaqela belubalulekile, nto leyo ekhokelele ekubanjweni nasekufumaneni imipu nempahla ebiweyo,” utshilo uMajor General Xawuka.