Impumelelo yephulo iShanela eGqeberha

Kuthinjwe iimpahla zomgunyathi, imipu kunye neziyobisi eGqeberha ngempelaveki, emva kwentsebenziswano yamapolisa kwiphulo lemisebenzi eyahlukeneyo.

Eli phulo neliqale ngomhla wesibini ukuya kutsho ngomhla wesithathu kule nyanga, liquka amapolisa namanye amasebe likhokelele ekubeni kugqogqwe oonovenkile bengalindelanga, kwakunye nabathengisi beziyobisi eHumewood, eWalmer kunye naseGelvandale.

Ingxelo ithi, ngomhla wesibini, amapolisa afumene izinto zombane zomgunyathi nexabiso lazo liqikelelwa kwiR105 000, kwivenkile ekudederhu lweevenkile eHumewood, ukanti kuvulwe idokethi ukuze kuqhutywe uphando. Kwenye yezi venkile kufunyenwe iipilisi zentloko kwakunye nezixhobo zokuvavanya ukukhulelwa ezixabisa iR3 100.

Ukanti eWalmer kufunyenwe iimoto ezimbini iMercedes Benz kunye neOpel Corsa ebeziqweqwedisiwe. Ezi moto bezebiwe KwaZakhele naseMotherwell kwiinyanga eziphelileyo uEpreli noMatshi. Kukwafunyenwe neepistol zerhasi ezintathu, i9mm pistol, kunye namacuba ohlukeneyo, neemfonomfono.

Kubanjwe abarhanelwa ababini, omnye kubo ufunyenwe enemoto erhaneleka ukuba ibiwe, umpu ongekho semthethweni kwakunye nempahla ekukrokreleka ukuba zebiwe. Umrhanelwa wesibini uye wabanjwa ngezityholo zokuba neembumbulu ezingekho mthethweni kwanompu.

Ingxelo iqhuba ithi, kwindlu ekwisitalato iFtichard, eHelenvale kufunyenwe iziyobisi zohlobo lwecocaine, imandrax, intsangu, imipu emibini kunye neembumbulu ezingekho mthethweni. Kwisitalato iDinsmore, eShauderville kwindlu ethile, kufunyenwe icocaine, imandrax kunye netik. Ukanti akukho bantu babanjiweyo kuzo zombini ezi zindlu.

UMkomishinala wamaPolisa eNelson Mandela Bay, uMajor General Vuyisile Ncata wongeze ngelithi iphulo iShanela igxininisa ekuzinikeleni kwabomthetho ekulweni izenzo ezingekho mthethweni nezibeka emngciphekweni ubomi boluntu.

“Ukuthinjwa kweempahla zomgunyathi kuphazamisa iimarike, kukwakhusela abathengi kwiimveliso zomgunyathi ezinokuba nobungozi. Ukanti ukususwa kwemipu neziyobisi ezitalatweni kunciphisa ulwaphulomthetho olunobundlobongela kwakunye neziganeko ezinxulumene neziyobisi. Sizimisele ukuqhuba nokugcina umthetho kwanoluntu lukhusekile,” utshilo uMajor General Ncata.