UClinton Larsen uchwayitiswe kukunyusela iMagesi FC kwiDStv Premiership

Iphondo laseLimpompo lifumene elinye iqela lebhola ekhatywayo eliza kudlala kwiDStv Premiership. Oku kuza kwenzeka emva kokuba iMagesi FC iqokelele amanqaku aqinisekise ukuba kwisizini ezayo iza kudlala kwiDStv Premiership.

Nangona iLimpopo yayisaziwa ngamaqela adlala kakuhle afana neBlack Leopards, iBaroka FC neMadzivhandila – kodwa besekushuyele iPolokwane City kuphela ngoku. Ukunyuselwa kweMagesi FC ziindaba ezimnandi ebantwini baseLimpopo ngoba baza kufumana imidlalo eyongelelweyo ekwinqanaba eliphezulu.

IMagesi inyuselwe nguClinton Larsen – indoda enikwe umsebenzi eminyakeni emibini edlulileyo emva kokucekiswa ngamaqela adlala kwiDStv Premiership. Akwenzileyo kwiqela laseLimpopo kuyamangalisa kakhulu. Eminyakeni emibini, uLarsen uyisindise ezembeni kwiMotsepe Foundation Championship phambi kokuyenza iintshatsheli kunyaka wesibini.

Nangona engumqeqeshi onamava ebholeni emva kokuqeqesha amaqela afana neChippa United, iGolden Arrows, iMaritzburg United nePolokwane City – kodwa okwenzekileyo kuqaqambise ukuzinikela kwakhe emsebenzini wakhe.

Emva kokunyuselwa kweMagesi ngempelaveki, uLarsen uncome abaphathi beqela ngomnika ithuba lokwenza umsebenzi wakhe ngendlela afuna ngayo ngaphandle kokuphazanyiswa.

“Ndigqibokuthi abaqeqeshi abaninzi barhalela ukuba ndim ngoba kwiinyanga ezilishumi elinesihlanu ndilapha, zange ndaphazanyiswa emsebenzini wam nangemini enye, ” utshilo uLarsen oneminyaka eyi53. “Yinto enqabileyo leyo emaqeleni adlala kwiNFD nakwiPSL. Ndifuna ukubulela abaphathi nam, uSolly Makhubela noJohn Mathibe, ngokundivumela ndenze umsebenzi wam,” utshilo uLrsen.

Nangona uLarsen wakhe waphumelela iTelkom Knockout esengumqeqeshi weBloemfontein Celtic ngo2012 – kodwa uthi ukunyusela iMagesi FC yeyona nto enkulu eyenzekileyo ebomini bakhe njengomqeqeshi. “Sinyuselwe, le yeyona nto ephezulu kuzo zonke. Ndiyazingca ngokunyuselwa kweqela.

Abantu abayazi indlela esisebenze ngayo ukuze iMagesi ibe kwindawo ekuyo ngoku. Zininzi izinto ezenzekileyo – kodwa ke ndifuna ukubulela abaphathi beqela,” utshilo uLarsen koonondaba emva komdlalo. IMagesi inyukele phezulu emva kokuba ibethe iMilford FC ngo’3-1 emdlalweni obuse’Old Peter Mokaba Stadium ngempelaveki egqithileyo.