‘Siba nexhala xa kuza kunetha imvula’

Inkululeko yintsomi engaziwayo kwikhaya lakwaQokolwana eMcwangele, eMalahleni. UMFANEKISO: SIYABULELA MQIKELA

Yimbudede yentsomi into yokuba kukho inkululeko kweli kusapho lakwaQokolwana eMcwangele kwaWadi 10 eMalahleni.

Umakhulu uNotisi Qokolwana nabazukulwana bakhe ababini bahlala kwityotyombe elakhiwe emva kokudilika kwendlu ebingekho mgangathweni nayo.

Ngonyaka ka2017, I’solezwe lesiXhosa lalityelele eli khaya likwimeko eyayimbi kakhulu, indlu yabo ibonisa ukuba ingadilika nanini.

UNotisi Qokolwana uthi uginya uvalo nexhala mihla yonke ngenxa yokuba ingakhuselekanga le ndlu sele ilityotyombe ngoku.

Umakhulu uNotisi Qokolwana uthi ityotyombe lakhe liyavuza xa kunetha. UMFANEKISO: SIYABULELA MQIKELA

“Siba nexhala xa kuza kunetha imvula, kuba siyanetha silale ezingubeni ezimanzi, asikwazi nokupheka xa kunetha kuba kubamanzi neenkuni zokupheka,” kutsho uQokolwana.

Ngaphandle kwemvula, ucango leli tyotyombe lingavuleka nanini xa kunokufika umoya obhudla ngamandla.

“Unina waba bantwana bobabini wabhubha, unyana wam yena andimazi ukuba wayakutshona phi, ndicela ukwakhelwa indlu nguRhulumente nam,” kutsho uQokolwana.

Ngethuba I’solezwe lesiXhosa lalityelele eli khaya ngo2017 kwabakho izithembiso zokuba lomama uzakwakhelwa indlu ngokukhawuleza.

Umakhulu uNotisi Qokolwana uthi ityotyombe lakhe liyavuza xa kunetha. UMFANEKISO: SIYABULELA MQIKELA

UMasipala waseMalahleni wazibophelela ngelithi uzakwenza konke ukuqinisekisa ukuba umakhulu uQokolwana uyayifumana indlu.

“Aba bantwana baya esikolweni bemanzi xa kunethile, iimpahla zonke ziyanetha apha xa kunetha, ngenxa yoko banyanzeleka ukuba bayengazo esikolweni,” utsho uQokolwana. Olu sapho luhlala kwesi siza singenayo indlu yangasese, akubiyelwanga kwaye bahlala ecaleni kwendlela.

UNokuphumla Mapete wakhe kufutshane neli khaya lakwaQokolwana, kwaye uyayingqina inzima ekweli khaya.

Umakhulu uNotisi Qokolwana uthi ityotyombe lakhe liyavuza xa kunetha. UMFANEKISO: SIYABULELA MQIKELA

“Uceba wakwaWadi 10 uNosipho Sibeko uyayazi ingxaki yalapha kulo mzi, nabanye ke abakhokeleyo bayayazi ingxaki yalapha, kudala esokola lomama apha,” kutsho uMapete.

Uthi xa kunetha imvula lomama neentsana zakhe ukhongozela imvula ngezitya nangeekom ngelizama ukunqanda ubumanzi, kodwa zonke ezo zinto azincedi.

“Le ndlu yalapha idilizwe yimvula kulo nyaka uphelileyo ebusika nezinye izindlu, abanye abantu bazinikwa izindlu zethutyana yena akazange ayifumane,” kucacisa uMapete.