Utsala neenkabi emasimini uParkies

Utsala neenkabi emasimini uThokozile Parkies akavumi kuguga. UMFANEKISO: SIYABULELA MQIKELA

UThokozile Parkies (65) akavumi ukuthatha umhlala phantsi emva kokuba echithe iminyaka engamashumi amabini engumfundisi ntsapho, ulima akayeki kwifama iMazanow Carlton eDordrecht.

Kumhlaba ozihektare ezingamakhulu alithoba anamashumi amathutha, uParkies uvelisa umbona obomvu engenisa imali.

“Eli gama lithi ‘lima’ xa ulijika lithi ‘mali,’ ngoko ke ndikhuthazaka kakhulu abantu bakuthi ukuba bakubone ukubaluleka kokulima,” kutsho uParkies. Le fama inikezelwe kusapho lakwaParkies ngonyaka ka2015 ngoncedo lukarhulumente welizwe loMzantsi Afrika.

“Ndiyeke ukusebenza njengotitshalakazi ngonyaka ka2016 ndaza kuncedisa umyeni, waza ngelishwa wasishiya ngo2017, ndisaqhuba ke ngaphandle kwengxaki,” uhambisa atsho uParkies.

Umfama umama uParkies evuna emasimini. UMFANEKISO: SIYABULELA MQIKELA

UParkies usebenze njengotitshalakazi kwisikolo iTharabollo High School ePalm Springs. “Ngenxa yembalela nezinye iingxaki zolimo, kulo nyaka ndilime umhlaba ozihektare ezingamashumi amathathu anesibini kuphela,” kutsho uParkies.

Akavumanga ukuthityazwa yimbalela ehlasele amafama amaninzi kweli leMpuma Koloni nakuMzantsi Afrika.

“Ndiqalile ukuvuna, ndiqala phambi kwexesha ngenxa yokubaleka iingxaki ezininzi eziquka imililo yamadlelo nokuba umbona ungxamile uyonakala,” ucacisa atsho uParkies.

Uthi ilizwe elingakwazi ukuzondla alinakuze libange ukuba lilizwe elikhululekileyo. “Umbona wam uthengwa yiKokstad Milling eseKokstad, kodwa akhona amathuba nakwezinye iindawo ezifana neTshayina, ngoko xa sinokwenza ngaphezulu uza kukhula umsebenzi wethu,” uhambisa atsho uParkies.

Umfama umama uParkies evuna emasimini. UMFANEKISO: SIYABULELA MQIKELA

Ngezolimo uParkies uqeshe abantu ababini ukuba basebenze ngokusemthethweni, logama aqesha abathile xa kukho imfuneko.

“Enye yeenjongo zethu kukuqinisekisa ukuba abantu bafumana amathuba emisebenzi ukuze bondle iintsapho zabo, ngolimo lingakhula ilizwe logama kunokuba kuphucuka intlalo yabantu,” kutsho uParkies.

Ngaphandle kokulima uParkies ukwangumfama ofuye iigusha neenkomo kwakule fama yakhe alime kuyo umbona. “Ndineegusha ezingaphezu kwamakhulu amabini, ziqalile ukuzala ngoku, neenkomo eziliqela noko ngelizama ukuncedisana nale nkqubo yokulima,” utsho.

UParkies uqhwabela izandla urhulumente waseMpuma Koloni ngoncedo alifumene ukusukela oko aqale ukusebenza kule fama. “Zininzi kakhulu izinto endizinikwe ngurhulumente, ezo zinto ziquka oogandaganda amabini nezixhobo zokulima, ukutyala nokuvuna, ngoku ndilindele uncedo lokubiyela,” uvale ngelo uParkies.

Kumhlaba ozihektare ezingamakhulu alithoba anamashumi amathutha, uParkies uvelisa umbona obomvu engenisa imali. UMFANEKISO: SIYABULELA MQIKELA