Uluntu luyabongozwa ukuba lufumane isitofu sokugonya somkhuhlane

Isebe lezempilo kuzwelonke libongoze uluntu ukuba luthathe amanyathelo okhuseleko oluthe kratya ukuze luzikhusele kunye nabo lubathandayo kusulelo oluchaphazela ukuphefumla, irespiratory infections ngelasemzini, ekulindeleke ukuba lonyuke ngexesha lasebusika.

Ngokwesebe, intsholongwane yokuphefumla isyncytial virus (RSV) ngoku ikwincopho yokujikeleza kweli lizwe, ngelixa umkhuhlane uqala ukuqhambuka.

Iziko kuzwelonke lezifo ezosulelayo iNICD, elibeka esweni ukuhamba kweentsholongwane ezichaphazela ukuphefumla kwilizwe liphela, lazise isebe ukuba ngoku lixesha eliphezulu leRSV, apho abanye abantu banokuyibhidanisa neKhorona ngenxa yeempawu.

“Ixesha lentsholongwane yeInfluenza lihlala lilandela iRSV, kwaye siqala ukubona ukwanda kwamatyala,” yatsho ingxelo.

“Ngelixa uninzi lwezifo ezibangelwa ngumkhuhlane, iintsholongwane zeRSV kunye neSARS-CoV-2 zingenabungozi, kodwa kwezinye iimeko zinokubangela ukugula kakhulu kunye nokufa, ngakumbi kubantu abaneemeko ezibabeka emngciphekweni omkhulu wesifo esiqatha.”

Abantu abasemngciphekweni omkhulu baquka abantu abadala abangaphezulu kweminyaka engamashumi amathandathu anesihlanu (65) ubudala, abo banezigulo ezifana nesifo sentliziyo nemiphunga, abantu abaphila neHIV kunye nesifo sephepha, kunye nabantu abakhulelweyo.

Amarhe eKhorona

Isebe liwachithile amarhe eKhorona eluhlobo lweOmicron XBB ajikeleza kumakhasi onxibelelwano.

Ezi zinto zibhaliweyo zasasazwa kumakhasi onxibelelwano zicebisa abantu ukuba banxibe iimaski ngenxa “yohlobo olubulalayo nolungekho lula ukubonwa lweKhorona.”

“Lo ngumyalezo olahlekisayo owavela okokuqala ngexesha lobhubhane ngaphandle komthombo onokulandeleka.

“Sibongoza uluntu ukuba luqaphele kwaye lungayihoyi le miyalezo injongo yayo ikukudala ukuphaphazela nobhideko olungeyomfuneko, ingakumbi njengoko ilizwe lingena kwixesha lomkhuhlane,” itshilo ingxelo yesebe.

Isitofu sokugonya umkhuhlane sifumaneka kwiikliniki zikawonke-wonke simahla, ngelixa iikhemesti zabucala zithengisa esi sitofu sokugonya.