UJohn Maduka uvula isifuba sakhe ngokwenzeka kwiRoyal Am ezikayo

Ayiqhubi kakuhle iRoyal Am. Eli qela laKwaZulu-Natal lenza ezibukwayo ekuqaleni kwalo kwiDStv Premiership phantsi kukaMamkhize ngokubetha amaqela amakhulu – kodwa mvanje, izinto azilihambeli kakuhle. Emva komdlalo wangoLwesibini kule veki, uJohn Maduka uvumile ukuba isohlwayo seFifa sinefuthe kwindlela iqela lakhe eliqhuba ngayo kule sizini.

Oku ukuthethe emva kokuba iRoyal Am iguqiswe phantsi ngegowuli elinye eqandeni yiCape Town Spurs emdlalweni weDStv Premiership obubanjelwe eHarry Gwala Stadium. Yimpumelelo enike iSpurs ithemba lokuphepha izembe noxa sisesetshobeni.

Emidlalweni emine egqithileyo, iRoyal Am ibethwe kwemithathu ilandelelana yaze yadlala ntanganye kanye. Oku kuyithathe kwayoyilahla kwindawo yeshumi elinesine kwiDStv Premiership kwaye iphakathi kwamqela alwela ukusinda ezembeni njengokuba kudlalwa imidlalo yokugqibela yesizini.

Ekuqaleni kwesizini, iRoyal Am izibhaqe ingakwazi ukutyikitya abadlali abatsha njengamanye amaqela ngoba yavalwa yiFifa. Yagwetywa yiFifa emva kokuba yafunyanwa inetyala lokungabhatali uSamir Nurkovic imali yakhe. Okwesibini, yamangalelwa nguRicardo Nascimento owayengabhatalwanga imali yakhe naye.

“Khange sikwazi ukufumana abadlali abatsha. Siphelele kwaba sinabo abadlali,” utshilo uMaduka ophantsi koxinizelelo kwiRoyal Am ezikayo. “Ukuba niyaqaphela kwiisizini ezigqithileyo, besinabadlali abanamava abaninzi – kodwa kule isizini, sinoMatlaba noMahlasela kuphela.

“Sinabadlali abadlala kakuhle emdlalweni omnye okanye emibini emva koko bangabonakali. Zezinye zezinto ezo ezibangela singakwazi ukufumana iziphumo ezincumisayo ngendlela esinqwenela ngayo. Lo nto iyasinyanzela ukuba sisebenze ngento esinayo,” utshilo uMaduka ezama ukucacisa ingxaki ajamelene nayo.

Kubonakala ngathi umqeqeshi uphelelwe ngamaqhinga ngoba iziphumo eziveliswa liqela lakhe aziphucuki. Ukuba iMoroka Swallows neRichards Bay zingayiphumelela yonke imidlalo eshiyekileyo, iRoyal Am ingazibhaqa isecicini lokuthotyiselwa xa kuphela isizini. Yinto leyo ekufuneka azame ukuyilwa uMaduka.

“Kunzima kakhulu kuthi ngoku ngoba abadlali bethu abanawo amava kakuhle, Akukho nto esinokuyenza ngoba enkampini izinto ziye zithembise – kodwa xa kusemdlalweni izinto zijike. Siza kuzama ukulwa siqinisekile ukuba iqela liyasinda ezembeni,” utshilo uMaduka kwiintatheli.