UMphathiswa weZemidlalo uza kubhengeza isigqeba esitsha seBoxing South Africa!

UMphathiswa weZemidlalo, uZizi Kodwa, uthi uza kubhengeza amagama wabantu abaza kuba kwisigqeba esitsha sombutho olawula umdlalo wamanqindi,iBoxing South Africa. Oku ukuthethe emva komnyhadala wamawonga wesebe lakhe obubanjelwe kwiphondo laseMntla Ntshona.

UKodwa wagunyazisa ukuchongwa kwabantu abaza kungena kwisigqeba esitsha seBoxing South Africa kwinnyanga ezigqithileyo emva kokuba abathelekisi bamtyhola ngokungaqondisani nabo.

Ngenxa yeso sizathu, uMphathiswa uye wasichitha ekuqaleni kwalo nyaka isigqeba awasimilisela ekupheleni konyaka ka2023. UMphathiswa uthi abantu sebevavanyiwe, into eshiyekileyo kukuba adibanise iintloko nabantu bamanqindi.

Yindlela yakhe yokuphepha enye ingxaki eyabangela ukuba abathelekisi bamse enkundleni. Ngethamsanqa lakhe uMphathiswa, inkundla iye yaqinisekisa ukuba unalo ugunya lokuchonga abaphathi beBoxing South Africa.

“Sinethemba lokubhengeza isigqeba esitsha kungekudala. Iimvamvanyo sezenziwe futhi yonke into yenziwe” utshilo uKodwa ethetha neSABC Sport ekuqaleni kwale veki. “Emva kokudibana nemibutho yamanqindi, sijonge ukwazisa isigqeba esitsha ngomhla weshumi elinesihlanu kule nyanga kaCanzibe.

“Sizimisele ukudibana nemibutho ekhoyo emanqindi ukuze sishukuxa umba wamagama wabantu – kodwa uMphathiswa unalo ilungelo elipheleleyo lokuchonga isigqeba esiza kulawula umbutho wamanqindi,” utshilo uKodwa.Akukho zinzo embuthweni wamanqindi eMzantsi Afrika futhi sekulithuba elide kunjalo. Into embi ngoku kukuba zininzi izinto ezingenzeki kakuhle ngenxa yemilo engenasihlahla.

Akukho mntu owaziyo nokuba abathelekisi baza kuwamkela kusini na amagama wabantu abaza kuchongwa nguMphathiswa kweli ityeli ngoba khange bakholwe ekuqaleni konyaka. Ingqonyela ebambeleyo yeBoxing South Africa ihleli esikhundleni emva kokuba inkundla yasePitoli ikhuphe isigqibo esithi ukuchongwa kwayo kwakusemthethweni.