Abazali eMzantsi Afrika kusenzima ukuba bamkele abantwana babo abaGay!

UMphathiswa woPhuhliso loLuntu eMpuma Koloni uBukiwe Fanta ethetha nabeLGBTQIA+ ngoLwesibini eBuffalo Club eMonti. UMFANEKISO: ABONGILE GINYA

Nangona uMzantsi Afika iselilizwe elihamba phambili ekukhuseleni nasekulweleni abantu abathandana besini esinye nababizwa ngokuba ziiGay, umcelimngeni usekhona kuba kusekho abazali kwanabahlali abasakufumanisa kunzima ukwamkela isimo sabantwana babo, nto leyo enza abantwana bazibone sele begaxeleka kwiziyobisi kuba becima umvandedwa.

Oku kuvele ngethuba uMphathiswa woPhuhliso loLuntu eMpuma Koloni uBukiwe Fanta ebebambe ingxoxo kwakunye nabeLGBTQIA+ ngoLwesibini eMonti ngeenjongo zokuva iingxaki abajamelene nazo ekuhlaleni kwanokuza nezisombululo.

“Siza kuqhubekeka sinikhusela, asililo ilizwe laseUganda elingahloniphi amalungelo oluntu. Ndingatsho ndithi siselelona lizwe lihloniphayo amalungelo kuba oku sakulelwa. Sikwilizwe elikhululekileyo, elingenamkhetha, elingenambala kwaye elingena sini sitheni.

“Into esiyibona apha phandle yokubulawa kwabaGay oko kukutsicela le nkululeko yethu kuba ubom nobomi bomntu bubalulekile. Kuyasixhalabisa noku kokuba umntu asuke agqibe ngokubulala umntu kuba engathandi uhlobo aphila ngalo,” utshilo uFanta.

UMphathiswa uqhube wathi amagosa kwakufuneka eqinisekile ukubamba iimbizo ezilalini ngeenjongo zokufundisa abazali ngeLGBTQIA+ ukuze bakwazi xa umntwana efika ezibika emzalini amamkele kuba kusekho abazali abangazi kwangeLGBTQIA+.

UFanta utsho ezibophelela esithi ngolo suku oonontlalontle nabakwezoBulungisa besiya ezilalini nasezikolweni xa beyokuqhuba amaphulo abo uya kuba yinxalenye kuba kufuneka befundisiwe abazali kwaye beyazile ukuze bamkeleke abantwana ekhayeni nasekuhlaleni.

Uthi abantwana baphela beyindindi bengazazi kwaye bengafuni ukuphuma elubala kuba esoyika, omnye aphele esebenzisa iziyobisi kuba ecima ukucinga.

Ojongene namanina kwakunye namantombazana asematsha kwiLGBTQIA+ Community uNomatshayina Skepe, uchaze abakwenzayo beyile ofisi, uthi banamaziko agciniweyo ukulungiselela abo bagxothwe kumakhaya okanye ekuhlaleni kuba bengamkeleki futhi bengamameleki naxa beneengxaki. Uthi kudala babakhona abadalwe esi simo koko bezifihla kuba besoyikela ukuhlukunyezwa ekuhlaleni.

USkepe uqhube wathi bayazibamba neendibano nasekuhlaleni ukufundisa uluntu ngeLGBTQIA+ ukuze uluntu kubelula ukwamkeleka. Ukwathi bakwafundisa nabefundisi ngeenjongo zokuba bamkeleke nasezicaweni njengoko kusekho abefundisi abangabamkeliyo.

UFanta ukwakhalimele isenzo sakutsha nje somfana obulelwe eMdantsane kuba eGay, esithi oko akuvumelekanga kwaye akwamkelekanga kule nkululeko ilizwe likuyo.

Ukwayalele uluntu kule ndibano ekubeni luhambe luyokuvota nge29 yale nyanga, nalapho athe zeluvotele iANC kuba sele kukho la malungelo nje kungenxa yayo. Uthi kukho abantu abancama ubomi babo belwela la malungelo oluntu lunawo.

AbeLGBTQIA+ abebezimase le ndibano bavakalisile izikhalo zabo kambe abanye bakhankanya ukucinezelwa kwabo, ukungamkeleki abanye bekhalela amaziko abangenawo okufihla kuwo iintloko. Logama abanye bakhale ngale ndibano besithi abakhange balinikwe ixesha elaneleyo lokuvakalisa abajongene nako.

Amanye amaSebe esingawabalula ebekule ngxoxo lelezeMpilo, lezoBulungisa, AIDS Foundation kwakunye neeNGO ezijongene nokulwela amalungelo oluntu.

NgoLwesine umhla wesithoba, uFanta uzakube enengxoxo kwakhona nabo bashishina ngokuthengisa ngomzimba apho injongo ikwanye ikukusabela kwimingeni nokuza nezisombululo.