Namhlanje lusuku lwezinyanya

UNobhala weCONTRALESA jikelele uZolani Mkiva.

Okwaziyo ukuthandaza uyakuthi athandaze ngolo hlobo athandaza ngalo xa enxulumana nabakowabo abangasekhoyo.

I-CONTRALESA kwiminyaka emithathu edlulileyo u2021, yasungula ngokusesikweni ikwabhengeza olu suku lwanamhlanje umhla wesibhozo (8) kwinyanga kaMeyi njengosuku lwezinyanya.

UNobhala weCONTRALESA kuzwelonke uZolani Mkiva uthi olu usuku lumalunga nokuba kukhunjulwe kwaye kunikwe imbeko kwabalele ukuthula.

UMkiva uthi kubalulekile ukunxulumana ngokomoya nabo babengaphambili kuthi ukuze kukhulwe ngokomoya nangokwengqiqo.

“Olu suku sifuna ibelusuku oluyakuthi lusibumbanise kwaye lusimanyanise ingakumbi abomgquba,” utshilo uMkiva.

Olu suku lufumana inkxaso kakhulu kwinkampamni evelisa utywala uhlobo lwebhiya istout.