Iphulo lokukhangela nokuhlangula liyaqhubeka eGeorge

Amaqela amaninzi okukhangela nawokuhlangula asebenza ukufumana abasebenzi bokwakha abavaleleke ngaphantsi kwesakhiwo esidilikileyo ebebesebenza kuso ngoMvulo. UMFANEKISO: SAPS

Lusuku lwesithathu lwephulo lokukhangela nokuhlangula, izinja ezinukisayo kunye nabaphathi bazo abaphuma kumapolisa aseMpuma Koloni baqinisa eli phulo lokukhangela abasebenzi bokwakha abavaleleke phantsi kwesakhiwo esidilike eGeorge emva kwemini ngoMvulo wale veki.

Iphulo lokukhangela nokuhlangula liyaqhubeka kwisitalato iVictoria, eGeorge eNtshona Koloni apho isakhiwo ebesisakhiwa siye sadilika ngoMvulo, umhla wesithandathu (6) kuCanzibe ka2024 malunga nentsimbi yesibini emva kwemini.

Iingxelo eziphuma kwindawo yexhwayelo ngeli xesha zidiza ukuba amaxhoba angama36 afunyenwe. Kula maxhoba angama36, abasixhenxe (7) kubo babhengezwa njengabaswelekileyo ngenxa yokwenzakala kwabo ngabasebenzi bezonyango, abali16 bakwimeko emaxongo, abanye abantu abathandathu (6) bajongene nokwenzakala okusongela ubomi, kwaye abantu abasixhenxe bonzakele kancinci. Bonke abanye abasindileyo baye basiwa kumaziko onyango akufutshane ukuze bafumane unyango. Bangama39 abantu abangekafumaneki.

Amaqela amaninzi okukhangela nawokuhlangula asebenza ukufumana abasebenzi bokwakha abavaleleke ngaphantsi kwesakhiwo esidilikileyo ebebesebenza kuso ngoMvulo. UMFANEKISO: SAPS

UMasipala waseGeorge uthe ukuba uluntu lunqwenela ukunikela ngezixhobo zokusebenza zokhuseleko, ukutya okanye iziselo kubasebenzi bokukhangela nokuhlangula abasebenza kwindawo yexhwayelo, banokuzisa ezo zinto kwintente ekwidilesi 79 Victoria Street, phambi kweDeplan Consulting. Le ntente ilawulwa yiGift of the Givers kunye noHerman Pienaar weLoveGeorge kwaye iya kuhlala isebenza kude kusongwe eli phulo lokuhlangula.

Abantu bangaqhagamshelana noMario Ferreira weGift of the Givers kule nombolo 082 490 2752 okanye uHerman Pienaar ku-082 829 6428.

Izixhobo zokhuseleko zinokuthunyelwa kwiSikhululo soMlilo saseGRDM, ePearl Road, eTamsui Industria kwalapha eGeorge.

Amaqela amaninzi okukhangela nawokuhlangula asebenza ukufumana abasebenzi bokwakha abavaleleke ngaphantsi kwesakhiwo esidilikileyo ebebesebenza kuso ngoMvulo. UMFANEKISO: SAPS

UMasipala ukwathe bafumene izicelo kuluntu malunga neminikelo yemali. Ukuba ufuna ukunikela ngemali sebenzisa iinkcukacha zebhanki ezingezantsi.

George Municipality: Relief and Charitable Fund

ABSA BANK Cheque Acc: 9149554208

Branch Code: 632005

“Igalelo lenu kunye nenkxaso ngeli xesha linzima lixatyiswe kakhulu,” utshilo uMasipala kwingxelo.

USjini uChristopher Spies uqinisekise ukuba amapolisa aseGeorge avule idokethi yophando.