INCWADI: ‘Why we are not a nation’

Incwadi kaChristine Qunta ethi, ‘Why we are not a nation.’

Le yincwadi equlethe imbali enzulu ngezizathu ezenza ukuba ilizwe loMzantsi Afrika neAfrika ilibaziseke ukubona impumelelo yayo.

Umbhali wale ncwadi uChristine Qunta uphuma kumbutho iBlack Consciousness Movement ekhuthaza ukuzazi nokuzingca kwabantu abamnyama.

Uchaza iziganeko zokuthathwa kobutyebi bokuqala kweli kwisizwe sabaThwa, bebulawa benyanzelwa ukwenziwa amakhoboka ngeminyaka ephakathi koo1200 kunye neminyaka yoo1300. Iingcali zembali azithetha kakhulu ngeziganeko eziphambi kokuba kufike uninzi labo bebevela ngaseNtshona.

“La maqela ebevela ngaseNtshona esenza ngathi angabarhwebi okanye abantu abakhangela uncedo, kodwa babulala amadoda waBathwa, amakhosikazi nabantwana babo abaninzi,” kutsho uQunta.

Uhambisa athi amaqela wabo basemzini bangene kweli babethunywe ukuba bathathele kubo iinkomo, iigusha neebhokhwe ukuze zithunyelwe kuloo mazwe aseNtshona.

“Ezinye iingcali zembali zibonisa ukuba iinqanawe eziquka ezo zeDutch East India Company (DEIC) zizo ezeza neenkomo kweli, akunjalo, ngabo abathatha iinkomo kweli bezithumela kumazwe abo,” kutsho uQunta kule ncwadi.

Ukufunda le ncwadi kunika umntu ulwazi olutsha ngembali kaJan van Riebeeck weDEIC. “Ngoku athunyelwa apha uVan Riebeeck wayesuka kumazwe amaninzi ehlabathi kwixesha eliphakathi koo1639 ukuya koo1649, wayenetyala lokutya imali yeDEIC,” ugadlela atsho uQunta.

Uninzi lukholelwa ukuba inzululwazi, izibalo, ukubhala nokufunda kufike nezizwe zaseNtshona. “Ulwazi oluqulethwe kule ncwadi lubonisa ukuba inzululwazi, izibalo nezinye ziqale apha ekhaya kumantla eAfrika, oku kuthetha ukuba sinikwe ulwazi olukekeleyo,” uhambisa atsho uQunta.

Ukufunda incwadi kusoloko kulikhubalo lokuba ubani ahlale efumana ulwazi ngezinto angazange acinge ukuba angazazi.

“Le ncwadi ikwanika ibali elinzulu ngoSarah Baartman waseHankey kufutshane naseGqeberha, uninzi lweengcali zembali azifikanga kwiindawo esithethe ngazo kule ncwadi,” kutsho uQunta ngencwadi yakhe.

UQunta uhamba acacise umsebenzi owenziwa ngurhulumente weli logama akwanika imizekelo yezo zisileleyo ukwenzeka kweli.

“Ifuthe lemithetho, inkolo nengqiqo yaseNtshona ibangela ukuba ilizwekazi laseAfrika noMzantsi Afrika ungakwazi ukuba sisizwe ekumele ukuba ubesiso,” kutsho uQunta.