Zingathenjwa na iiNkosi ezinje?

Kutshanje kujikeleze imifanekiso neengxelo ezishicilelweyo ezibonisa iiNkosi zeMpuma Koloni zijikeleza zibongoza abantu ukuba bavotele iANC.

Ngaphandle kwamathandabuzo oku kwenza ukuba kuvuke imibuzo malunga nokuthembeka okanye isikhokelo sezi Nkosi kwiindawo ezikhokele kuzo.

Kaloku iiNkosi zikhokele abantu abakholelwa kwimibutho eyahlukeneyo, ngoko ukubonwa kwazo zikhankasela umbutho othile kubenza bangathembeki.

IiNkosi zithenjwa ngenxa yokuba zikhuthaza uluntu nezizwe zazo ukuba zithobele imithetho yelizwe logama bephantsi kwemibutho yabo eyahlukeneyo.

Ukukhulula abantu ukuba babe nemibutho eyahlukileyo kwenza ukuba abantu baxhamle inkululeko yabo.

Ubunzulu bale meko kukuba ubukhosi bulahlekelwa sisidima sabo kuba ezi Nkosi zinyanzela ukuthotyelwa nokuxhaswa kombutho weANC.

Ukunyanzelwa kombutho othile (ANC) ebantwini kwenza ukuba abantu bangazithembi iinkokheli zemveli ezifana neeNkosi.

Oku kucacisa ukuba ngenene amakomkhulu nezizwe azinakuphinda zikhuseleke, ngaphezulu koko amakomkhulu awanakuthatha zigqibo engabuzanga kwimibutho efana neANC. Ngaphandle kwamathandabuzo, abantu abakhokelwe zezi Nkosi abazithandi bonke iinkqubo zeANC nemigaqo-nkqubo yayo.

Kunzima ukuba iiNkosi zithathe izigqibo ezikhusela amasiko nezithethe kuba zihlala zinyanzelekile ukuba zithandise iinkokheli zombutho weANC, okanye imigaqo-nkqubo yalo mbutho.

Akukho nto igwenxa ngokuba iNkosi izikhethele umbutho wayo, kuba ukuvota yimfihlo yomntu, kodwa ukuba iiNkosi zijikeleza zicela abantu ukuba bavotele umbutho othile yingxaki.

Ezi Nkosi zingabathelekisa abantu bazo ngaphandle kwamathandabuzo kuba abanye abangahambelani neenkqubo nemigaqo-nkqubo yeANC bangathi abazukuzithobela ezi Nkosi.

Abanye abantu bangasuka bathi ikomkhulu elo likomkhulu leANC bangazingeni iinkqubo zolawulo nophuhliso oluza ngamakomkhulu. Umninzi umsebenzi ekumele ukuba uqwalaselwa ziiNkosi ukukhusela amasiko nezithethe kwizizwe zabo.

Imibutho yezopolitiko yonke kumele ukuba iyangena komkhulu, kwaye inikwe igunya elilinganayo.

Xa ezi Nkosi zinokucelwa ngabantu beminye imibutho ukuba zincedise ukukhankasa zingaphendula zithini?

Konke oku kuthetha ukuba ngenxa yemirholo enikwa ezi Nkosi ubukhosi beli abukhuselekanga. UbuKumkani bakwaZulu bungumzekelo omhle xa uthelekisa neeKumkani neeNkosi zeMpuma Koloni.

UKumkani uGoodwill Zwelithini ebelichule lokufihla inkxaso yakhe yezopolitiko, unyana wakhe uKumkani uMisuzulu kaZwelithini naye usaqhuba kakuhle.

UKumkani uBuyelekhaya Dalindyebo lihlazo lokuqala ukuphuma engena kwimibutho yezopolitiko, kungenzeka ukuba ezi Nkosi zilandela yena.

Khuselani ubukhosi ziiNkosi zeMpuma Koloni, yahlukanani nokuthengisa abantu bezizwe zenu kwimibutho yezopolitiko. Inokuba ayashukuma amathambo woyihlo mkhulu ngenxa yeli nyala nilenzayo, nilihlazo madoda.