Urhulumente wendibanisela uyasebenza eYurophu

Iipowusta zemibutho eyahlukeneyo yezopolitiko ezisepalini zizama ukufumana iivoti zabantu kolu lonyulo luzayo. UMFANEKISO: SIYABULELA MQIKELA

UNjingalwazi uJaap De Visser uthi urhulumente wendibanisela uyasebenza kumazwe athile ehlabathi xa iinkokheli zithobelana, zihloniphana ngokwemigaqo-nkqubo eyahlukeneyo.

Le yingxoxo eshushu kweli loMzantsi Afrika ngoku kanye ngelixesha landulela ulonyulo lukazwelonke ngomhla wamashumi amabini anesithoba kule nyanga kaCanzibe.

“Kwilizwe laseJamani, eSpain naseBelguim kulawulwa ngoorhulumente bendibanisela, kwaye basebenza ngempumelelo,” kutsho uDe Visser.

Amajelo eendaba, iingcali zopolitiko noluntu ngokubanzi luzama ukuqikelela into enokwenzeka kweli emva kolonyulo.

“Ngenxa yokhuphiswano olushushu oluqhubeka phakathi kwemibutho yezopolitiko, lukhulu uluvo lokuba kungalawula urhulumente wendibanisela kweli okanye ulawulo lesininzi sombutho omnye,” kutsho uDe Visser.

Uthi ingxaki yokungathobelani kwiinkokheli zemibutho yezopolitiko kubangela ukuba kubenzima ukucinga ukuba angaphumelela urhulumente wendibanisela kweli.

“Ukunganeliseki kwabantu yindlela oqhuba ngayo umbutho olawulayo kuxela ngaphandle kwamathandabuzo ukuba izakukhula inkxaso yemibutho ephikisayo,” kucacisa uDe Visser.

Ukungathobelani nokunganyamezelani kwimibutho ephikisayo kweli kwenza ukuba lungaphumeleli ulawulo lendibanisela kweli.

“Izinto esizibone zisenzeka kooMasipala abancinci nabakhulu kweli zibonisa ukuba ngenene kukho ingxaki malunga nolawulo lendibanisela,” uhambisa atsho uDe Visser.

Ilizwe laseSweden naseNetherlands ngamanye wamazwe alawula ngendibanisela yemibutho emininzi.

“Kula mazwe sele ndiwaxelile urhulumente wendibanisela usebenza ngempumelelo ngenxa yokuba iinkokheli zemibutho ziyathobelana,” uhambisa atsho uDe Visser. KooMasipala abancinci nabakhulu kweli imibutho ephikisayo yoyisakele ukudibanisa izandla ilawule ngempumelelo.

“Uninzi lwamazwe aseNtshona Yurophu alawula ngendibanisela awanawo amasiko nezithethe zopolitiko ezahlukileyo kwezo zelizwe loMzantsi Afrika, kudala la mazwe alawula ngorhulumente wendibanisela,” uhambisa atsho uDe Visser.

Uthi amazwe aseAfrika afana neMauritius kwakunye neCape Verde alawula ngempumelelo ngorhulumente wendibanisela.

“Ngoku sithethayo, imibutho emine eNetherlands ikuthethwano ngeenjongo zokudiba ukuze kukhutshwe urhulumente olawula ela lizwe, kwiinyanga ezintandathu ezizayo kuzakuba kusiyiwa kulo nyulo,” kutsho uDe Visser.

Kudingeka ukuba iinkokheli zemibutho yezopolitiko kweli ingakumbi ephikisayo ikhule kwezopolitiko ukuze ikwazi ukumelana nendlela asebenza ngayo urhulumento wesininzi.