URay Mali uthi iqela lesizwe leqakamba liqhwayela emva

Ray Mali (cricket) receives Steve Tshwete lifetime achievement award during the 2024 SA Sports Awards at the Sun City, Rusternburg on the 05 May 2024 ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Owayesakuba nguMongameli weCricket South Africa (CSA), uMnu. uRay Mali, akayithandani into yokuchongwa komdlali omnye omnyama kwiqela lesizwe. UMnu. Mali uvakalise ukudana kwakhe emva kokuwongwa kwakhe lisebe leZemidlalo kumnyhadala obukudidi oluphezulu eSun City kwiphondo laseMntla Ntshona.

Into ephazamise abantu abaninzi kukubhengezwa kweqela lesizwe leqakamba elinomdlali omnye jwi omnyama. Abantu abaninzi bacinge ngeentsuku zakudala phantsi koRhulumente wobandlululo ngethuba imidlalo efana neqakamba yayibonwa njengento yabamhlophe kuphela. UMzantsi Afrika ulungiselela ukuthatha inxaxheba kwitumente yehlabathi ekuthiwa yiT20 World Cup.

NguKagiso Rabada kuphela umdlali obenethamsanqa lokuchongwa ngabachongi beqela lesizwe leqakamba. UMnu. Mali ubange ngelithi ukufakwa komdlali omnye omnyama yinto ewubuyisela umva umdlalo weqakamba eMzantsi Afrika. URob Walter ugqibe kwelokuba amshiye uTemba Bavuma emva kokungaqhubi kakuhle kwakhe kwitumente yehlabathi kunyaka ophelileyo.

ULungi Ngidi wenziwe ilalela, umdlali oyakukhwetywa kuphela xa kukho owonzakeleyo kwaba basenkampini ngoku. Itumente yehlabathi yeqakamba eququzelelwa yi’International Cricket Council iza kubanjelwa eMelika (USA) naseWest Indies ukusukela ekuqaleni kwenyanga yeSimela ukuya ekupheleni kwayo.

“Kuninzi okuzuzekileyo eMzantsi Afrika – kodwa kwicala leqakamba akukho nkqubela. Endaweni yokuya phambili, sibuye umva,” utshilo uMnu. Mali ethetha kwiSABC Sport. Noxa bekhona abadlali abamnyama namakhaladi abonakalayo kwiqela lesizwe – kodwa uthi akazi kutheni lisephantsi kakhulu inani labadlali abamnyama emdlalweni weqakamba.

“Andazi kutheni singenabo abadlali abaninzi abamnyama ekunokukhethwa kubo apha eMzantsi Afrika. Le nto yenzekayo ayamkelekanga konke konke. Le nto iphoxa abantu abasicelayo ukuba sakhe ilizwe elibumbeneyo. Kufanele ukuba abadlali bajongwe beselula ukuze kwazeke xa belungele ukudlalela iqela lesizwe.

“Nayiphi na inkqubo enika umntu omnye igunya lokuchonga iqela lesizwe ngeke isebenze kweli lizwe. Umqeqeshi makabe negqiza labantu achonga nabo abadlali. Kungcono sibuyele kulo nto,” utshilo uMnu. Mali owakhe waxhuzula imikhala yombutho olawula iqakamba yehlabathi (ICC) phakathi kuka2007 ukuya ngo2008.