Indima yeeKumkani kwinkululeko

Kwantlandlolo eli lizwekazi laseAfrika belisekelezelwe kulawulo lweeKumkani neeNkosi zazo. Eli lixesha elingaphambi kokufika kwale nkqubo ithetha ngooMongameli, iiNkulumbuso nezinye ezisekelezelwe kwiinkqubo zasemzini.

Kungenxa yesi sizathu ukuba iiKumkani neeNkosi zeli zakubona kufanelekile ukuba zixhase iinzame zokusekwa kwemibutho eyathi yakamva yeza nenkululeko kweli. Babenethemba lokuba ngenxa yalo nkululeko baza kubuyelwa ligunya nesidima sabo njengabanikazi bomhlaba nelizwe.

Eli xesha lokungena kwemibutho yezopolitiko belilandela emva kwexesha apho iiKumkani neeNkosi bezisilwa zilijaja ziphikisa ungenelelo lwaseNtshona.

Oku kwenza ukuba zikubone ikukuqhutyelwa phambili kweembono zabo ukuba kuthwe kuzalwa imibutho yezopolitiko efana neANC, eyathi kamva yeza nenkululeko.

Namhlanje eli loMzantsi Afrika libhiyozela inkululeko eyathi yafunyanwa ngonyaka ka1994 emva kokuphuma korhulumente wobandlululo.

Imbali ibonisa ukuba iiKumkani eziquka uDalindyebo wabaThembu kwakunye nomzukulwana kaFaku, uKumkani uMarhelane, bagalele esivivane ukukhuthaza ukusekwa kweANC.

I-ANC le isekwe ngo1912 emva kokuba bevumelene abo babecinezelwe ukuba ngenene kumele ukuba kusekwe umbutho.

Injongo yokusekwa kwalo mbutho yayiyeyokuba kufunyanwe inkululeko. Namhlanje urhulumente ophetheyo ubhiyozela iminyaka engamashumi amathathu laphunyelelwayo idabi lokufumana inkululeko.

UKumkani uDalindyebo wabaThembu wathumela iinkabi zeenkomo ezilikhulu zihamba ngololiwe ukusuka kwisikhululo saseKomani ukuya eBloemfontein apho wawuzakuzalelwa khona umbutho weANC.

Kuthwa injongo yayikukuba kuncediswe iANC ukuba ikwazi ukutyisa longinginya yayilapho iye kungqinela ukusekwa kwalo mbutho.

Nanje ngenkokheli yabantu, uKumkani uDalindyebo wakhuthaza uluntu ngesi senzo sakhe ukuba siwubone njengombutho ekumele ukuba ngenene uyasekwa, uyaxhaswa lo. Kwisizwe samaMpondo ngo1912 kwakuphethe unyana kaKumkani uSigcau, uKumkani uMarhelane.

Ngelibonisa inkxaso yesizwe sakhe naye uMarhelane wathumela iqela leenkomo ukuba zixhelelwe ezo ndwendwe zeANC. Zininzi ke iiKumkani neeNkosi ezathi zancedisa ngeli xesha ukuqinisekisa ukuba ngenene liyaphumelela ilinge lokuseka umbutho weANC.

Oku kuthetha ukuba izintlu ngezintlu zentlalo zazinethemba lokuba ngokusekwa kweANC ngenene baya kukhululeka abantwana babantu abamnyama.

Umfundisi wenkonzo yakwaSirayeli ubawo uEnoch Mgijima naye wathumela elakhe iqela leenkomo ukuba zingene kulo loliwe ukusinga eBloemfontein.

Umbuzo ke ngowokuba ingaba ngenene le nkululeko yeza nazo na izinto ezazilindelwe zeziKumkani neeNkosi. Ngaphandle kwamathandabuzo ezi Kumkani zazifuna ukuba kubuyiswe umhlaba wazo ukuze izizukulwana zazo zixhamle ngokucacileyo.