Ukucima kombane ebusika kulindeleke ukuba ungagqithi ngaphaya kwenqanaba lesibini

Njengoko ilizwe liphawula iintsuku ezingamashumi amathathu (30) ngaphandle kokucinywa kombane, nangona izinto zinjalo oko akuthethi ukuba ukucima kombane akusayi kubakho ngexesha lasebusika, ngokutsho kukaEskom.

IEskom ithi ilindele ukuba ukucima kombane kungadluleli ngaphaya kwenqanaba lesibini (stage 2) ebusika. Ukuba kuvela into enyanzelisa ukucima kombane ukuba kube kumanqanaba aphezulu, inqanaba lesihlanu (stage 5) liya kuba lelona nqanaba liphezulu lokucinywa kombane kweli.

NgoLwesihlanu, abaphathi beli ziko lombane baxelele oonondaba kwikomkhulu likaEskom, eMegawatt Park eGoli, malunga nendlela esebenze ngayo kunye neenjongo zabo zasebusika.

Ngexesha lobusika bonyaka ophelileyo, amakhaya aseMzantsi Afrika aye aphantsi kwamanqanaba aphezulu okucinywa kombane ngenxa yokunyuka kwemfuno yombane.

Ingqonyela yakwaEskom uDan Morokane uthi eli ziko lombane lizilungiselele ngakumbi ngeli xesha.

“Eyona nto sigxile kuyo kulo nyaka kukujongana nemiba emithandathu okanye esixhenxe ebangela ukungathembeki kwaye sakuba sijongene nazo, kufuneka sikwazi ukuzibona sikumanqanaba asezantsi okucinywa kombane,” utshilo uMorokane.