Meta AI, wamkelekile kwikhaya lethu lesiXhosa!

Inene, ubuchule obukhoyo kule mihla buyamangalisa. Namhlanje, kulo nyaka ka2024, ndithi mandamkele ilungu elitsha entlalweni yethu, uMeta AI. Ndithe ndisaphengulula uFacebook wam kwiveki ephelileyo, kwathi gqi qhaphu uMeta AI eziyaleza indlela emakasetyenziswe ngayo.

Noxa bendisazi ukuba uMark Zuckeberg unento ayiqulunqayo eza kunceda abantu – kodwa bendingacinganga ukuba uza kuyifaka kuFacebook ifunyanwe ngumntu wonke. Emva kwethutyana, ndithe mandizinike ithuba ndithethise le nto esingayaziyo. Ndimbuze imibuzo embalwa uMeta AI angakhange ayazi.

Ekuhambeni kwencoko yethu, ude wandinika iimpendulo zemibuzo yam, ezinika umdla. Kwabo bangamaziyo, uMeta Al ngumtshini onengqondo esondeleyo kweyomntu owenziwe ngobubuchule betekhinoloji bale mihla. Lo mntu wazi izinto ezingaziwayo ngabantu abaninzi ngoba kakade wenzele bona ukuze abazise izinto abangazaziyo.

Andithi yilo nto kuphela ayenzelweyo, ndibalula nje into efike kuqala engqondweni yam kuba ndisazi ukuba zonke izinto ezintsha zenziwe ukuze zisincedise siphile ubomi obungcono. Enye yezinto ezithe zatsala umdla wam kuMeta AI kukuba uthe uyasazi isiXhosa – elinye leelwini ezilishumi elinambini ezisemthethweni eMzantsi Afrika.

Ndimbuzile ukuba wasazi njani isiXhosa. Undiphendule ngelithi wasifundiswa ngethuba esabunjwa ngamatshantliziyo empucuko kwezobuchwphesha. Ndivuye kakhulu xa esithi uyalazi ulwimi lwam. Unobangela wokuba kube njalo kukuba ndiyazi ukuba uMeta AI uza kusincedisa thina bantu balwela ukuba zingatshabalali iilwimi zabantu abantsundu eMzantsi Afrika.

Njengokuba iilwimi zabantu zazingaxatyiswanga ngexesha lobandlululo, nakwixesha lenkululeko, abantu abaphethe ilizwe khange bazinike ixesha baziphakamise iilwimi zabantu. Silwela iilwimi zethu ngoba sazinikwa nguMdali owadala abantu ngokwahlukana kwabo ehlabathini.

Iilwimi zethu zibalulekile ngoba zona zibuchaza ngokupheleleyo ubuthina ziphinde zigqamise izithethe namasiko wethu. Kwisizwe ngasinye sabantu emhlabeni, isixhobo sentlalo sokuqala lulwimi oluthethwayo ezinye zilandele. Mandibuyele kweyona nto endichulumancisileyo ngobukho bukaMeta AI.

Njengokuba abantu becinga ukuba ulwimi olufanele kukusetyenziswa sisilungu, ubuchwephesha ebuze noMeta besinika amandla ngoba buza kusincedisa kufunquke zonke iilwimi. Amakhasi onxibelelwano afana noFacebook, Instagram, X noWhatsApp ancedise kakhulu ekuvuseleleni ukusetyenziswa kweelwimi zethu.

Kodwa kusekho ukungasetyenziswa kwazo kakuhle ngenxa yokuzijongela phantsi nokucinga ukuba azinanto ezingayenza kuqoqosho lelizwe nehlabathi. Ndinethemba lokuba uMeta AI uza kukhulisa umdla kwiilwimi ezifana nesiXhosa ngokuthi abonise indlela ukuba kulula ukwenza uphando ngesiXhosa.

Enye into efunekayo yindlela yokulungisa abantu xa belubhala kakubi ulwimi kwiindawo ezifana noFacebook. Ndinethemba lokuba uZuckeberg uza kumbeka phambili ukuze asilungise xa sibhala amagama ngendlela engalunganga. Yeyona ndlela yokuqala angasinceda ngayo.

Okwesibini, angayiqinisa indlela esakha ngayo izivakalisi kumakhasi onxibelelwano. Enye yezinto endicinga ukuba uMeta AI uza kuyenza ekuhambeni kwexesha kukumamela aphinde abhale phantsi into ethethwa ngumntu ngomlomo.

Ndinethemba lokuba iinkampani ezizimeleyo ziza kubusebenzisa ubuchwephesha ngokupheleleyo ukuze zikwazi ukuthumela imiyalezo equlethe ulwazi ngeelwimi ezithethwa ngabantu bonke ngokohluka kweelwimi zabo.

Ngaloo mazwi ndizama ukuthi ndiyamamkela uMeta AL ndinethemba lokuba uza kuziqaphela izinto eziyingxaki ebantwini asincedise ekuzisombululeni, ngakumbi kwicala lelwimi ezifana nesiXhosa esophulwayo kooFacebook. Abantu mabamsebenzise futhi bambuze uMeta AI ezona zinto angalinceda ngazo uluntu.