IZIMVO: Ayithethi nyani iMK

Umbutho kaJacob Zuma uMkhonto weSizwe umile kwelokuba uza kuphatha ilizwe uMsholozi emva kolonyulo lenyanga kaCanzibe kweli.

KooMasipala, kwizithili nakuzwelonke amalungu alo mbutho athetha le nto yokuba ngulo mbutho oza kuba uphethe ilizwe loMzantsi Afrika emva konyulo.

Xa sithetha oku asali okokuba abanayo inkxaso, kodwa ayikafiki kwiqondo lokuba bangafumana amanani anokwenza ukuba balawule bodwa ePalamente kazwelonke.

Inkokheli yalo mbutho uJacob Zuma noogxa bakhe bemi kwelokuba baza kuphatha ilizwe emva komhla wamashumi amabini anethoba kule nyanga izayo. Inkxaso yona banayo kuninzi lwamaphondo kodwa ayikafiki kwizinga elibonisa ukuba bangaphatha ilizwe.

Kungenzeka ke oku bakuthetha besazi ukuba abazukuphatha lizwe, kodwa bakwenza kuba befudumeza amathemba wabalandeli babo. Kaloku kufuneka ukuba abalandeli nabaxhasi bagcinwe benethemba lokuba kukho into enkulu ezayo.

Inkxaso eninzi yabavoti abathembisa ukuxhasa iMK Party ikwiphondo laseKZN, Rhawutini naseMpumalanga. Iphondo laseKZN lihamba phambili ngamanani wabantu abaxhasa lo mbutho ophuma ekhasini.

Oku kuthetha ukuba kwipondo laseKZN, iMK Party ingayifumana inkxaso enokwenza ukuba uZuma lo abeyiNkulumbuso yela phondo. Xa ukhangela uninzi lwamaphondo elizwe, iMK Party ayinabo abalandeli abaninzi abanokwenza ukuba iphumelele ngokugqibeleleyo kolu lonyulo.

Okothusayo kukuba abatsho nokuba baza kuphatha ngokubambisana, kodwa bemile kwelokuba baza kuphatha ilizwe bezimele bengumbutho weMK Party. Ibonakala inabaxhasi ngezimali abasemandleni iMK Party le, oku kubonakala ngendlela abaqhuba ngayo amaphulo okuzithengisa.

Babhala iimoto ezininzi, ezinkulu eziquka iiloli, bakhupha izikipa ezininzi kwiindawo abafike kuyo, konke oku kuxela ukuba ngenene ikhona imali yokuxhasa ukhankaso. Kodwa kunjalo amandla enawo iMK Party awanakuyenza ukuba ifikelele kwizinga lokuphatha ilizwe ngokupheleleyo.

Ukuba amaphondo axhasa lo mbutho, ebenokuba mathandathu okanye basixhenxe bekunokuvakala oku bakuthethayo. Kodwa ngoku xa ukhangela iintloko zabo zidumbile ngenxa yokubona inkxaso ephuma kumaphondo amathathu kuphela.

Enye yemfihlelo enokuba iqamele ngazo iMK Party kukuveza ngomzuzu wokugqibela iinkokheli ezisengaphakathi kumbutho weANC. Uninzi lwabo babonisa ukuwuxhasa lo mbutho bengaphandle kweKZN neRhawuti, ababonisi ukuba bangahamba nawo umgama omde.

Kuqhelekile ke kweli ukuba umbutho osungulwayo ukhwaze usithi uza kuthatha konke, kodwa xa kuphuma iziphumo zonyulo kwenze okunye.

Ukusungulwa kweEFF yayingathi uza kwenza umahluko okhawulezileyo wokuthathela kuwo ilizwe, kodwa akuzange kwenzeke oko.

Okunokwenza ukuba isuke iANC esikhundleni kukusebenzisana kwale mibuthi mincinci idibanise amanani enawo.