Izimvo: Kuyingozi ukungavoti, mbomba – kodwa uvote!

Lo ngunyaka wolonyulo kwakhona eMzantsi Afrika. Ngomhla wamashumi amabini anethoba kuCanzibe, abemi beli lizwe baza kuthi bhazalala kwiindawo ngeendawo ekuza kube kuvotelwa kuzo. Amalungiselelo sele ekwisigaba sokugqibela ngokutsho kwe-arhente ejongene nolonyulo ekuthiwa yi’Independent Electoral Commision (IEC).

Okunika umdla ngolonyulo lwalo unyaka kukuba lungqabene ngqo nexesha ilizwe eliza kube libhiyozela ngalo amashumi amathathu eminyaka yentando yesininzi, le nto kuthiwa yidemokrasi. EMzantsi Afrika kwavotelwa urhulumente wesininzi ngabantu bonke ngomhla wamashumi amabini anesixhenxe kuTshazimpuzi ngonyaka ka1994.

Emva koko kwabekwa uTat’ uRholihlahla Nelson Mandela njengoMongameli wokuqala phantsi kwentando yesininzi emva kwamakhulu eminyaka abantu abamnyama becinezelwe ngabantu abamhlophe ngabom. Ukusukela ngaloo nyaka (1994), zininzi iinguqu ezenzekileyo ukuza kuthi ga ngoku. Ezinye ziyabonelisa abantu, kanti ezinye azibonelisi.

Bendidlula nje apho, mandibuyele kweyona nto endifuna ukuyibethelela ebantwini kweli binza lam elifutshane. Inde indlela esiyihambileyo phantsi kwentando yesininzi noxa eyethu idemokrasi iseneminyaka embalwa xa ithelekiswa namanye amazwe esimelene nawo kule Afrika yethu.

Ndazi kakuhle ukuba inkqubo yokuvota iya batyhafisa abantu abafuthanyiselwe ziingxaki. Abantu abangavotiyo ngabantu abangaliboniyo utshintsho ebomini babo nakwiindawo zabo. Ngabantu abafuna ukusebenza kodwa abangafumani mathuba. Ngabantu abafuna ukuzenzela amashishini wabo kodwa abangafumani nkxaso.

Ngabantu abangamaxhoba ezikrelemnqa nootsotsi kodwa abangazange babufumana ubulungisa. Ngabantu abanomdla wokusebenzela ilizwe labo kodwa abangqinitywayo xa kuvela amathuba ngabo baphetheyo. Eyona nto etyhafisa abantu kakhulu lulawulo oluhexayo.

Lona lenze kwangaqini ukwakhiwa kwezinto ezifana neendlela, inkqubo yezempilo, imfundo esemgangathweni nezinye izinto ezichaphazela ubomi babantu imihla ngemihla. Njengokuba siza kubhiyozela inkululeko nakulo unyaka, abanye abantu abayiboni into ebhiyozelwayo ngoba akukho phuhliso kwiindawo abahlala kuzo.

Nangona kunzima, ndifuna ukuthi kubo, mabambombe besiya ezitishini ngomhla wolonyulo ngoba ukungavoti kuyingozi futhi kulibuyisela umva ilizwe. Inkqubo yedemokrasi yaphuka lula. Ifuna ukugadwa ngabantu belizwe ngoba ineengxaki zayo. Nokuba izinto ezimbi zingasitheza amandla – kodwa asikwazi ukuliyeka ilizwe life.

Ilungelo lokuzikhethela urhulumente lelinye lamalungelo abalulekileyo esawanikwa nguMgaqosiseko owapasiswa ngonyaka ka1996. Ukuba awaneliseki yindlela olawula ngayo umbutho olawulayo ngoku, votela ocinga ukuba uza kwenza le nto uyifunayo. Ukuba uyoneliseka ngumbutho olawulayo, kufuneka ukubonise oko ngokuvota.

Njengokuba umntu evotela umbutho awuthandayo, sinalo uxanduva lokuxoxa sivane ngezinto ezingasinceda ezifana nokonyula abantu abalithandayo ilizwe labo, abathanda inkqubela, abafuna ukusebenzela ilizwe futhi bahlonele nemithetho yalo.

Ukwakha ilizwe ngumsebenzi onzima kakhulu – kodwa othwalekayo xa abantu bebambene futhi bethetha ngazwinye ngabakufunayo. Sinoxanduva lokushiyela abantwana bethu ilizwe eliphilileyo neliza kwenza ubomi babo bunambitheke. Alingeke libekho ilizwe eliphilileyo ukuba asivoti.

Asingeke siwafumane amathandazwe anokusonyula engxakini esintywila kuyo ukuba asivoti. Njengokuba singenakulawula sonke, umhla wolonyulo usinika uxanduva lokuqinisekisa ukuba uMzantsi Afrika ulawulwa ngabantu abaza kwenza izinto ezifunwa sithi. Vota ngomhla wolonyulo ngoba ukukhalala akuncedi nto.

Izimvo zezikaPedro Mapelo. Azinanto yokwenza neziko leendaba alisebenzelayo.