USteve Barker umchaze njengeqhawe uRayners ongcwabe iPolokwane City

Ifolosi yeStellenbosch FC, u’Iqraam Rayners, iqhwatyelwe izandla ngumqeqeshi wayo oyichaze njengeqhawe emva kokuziqaqambisa emdlalweni ogqithileyo. USteve Barker uyincome ifolosi yakhe emva kokuba ifake inqwaba yamagowuli amahlanu emdlalweni omnye.

Oku kwenzeke emva kokuba iStellenbosch ivuthulule iPolokwane City ngemvula yamagowuli amahlanu eqandeni emdlalweni weDStv Premiership obubanjelwe eDanie Craven Stadium ngoMgqibelo odlulileyo. URayners wenze imbali eyagqibela ukwenziwa nguJames Chamanga kwiminyaka emininzi kakhulu eyadlulayo ebholeni yaseMzantsi Afrika.

Amagowuli amahlanu ambeke phezulu uRayners njengoyena mdlali onamagowuli amaninzi kule sizini okwangoku. Unkqenkqeza phambili ngamagowuli elishumi elinesithathu. Emva kwakhe nguTshegofatso Mabasa noLucas Ribeiro abaneshumi elinanye umdlali ngamnye.

URayners uzibonakalisile njengomnye wabadlali abaphambili kwiStellenbosch kule sizini ngokuyinceda iqhube kakuhle kwiDStv Premiership nakwiCarling Knockout eyithathe ekupheleni kuka2023. “Yimini enkulu le kuthi siliqela ngoba neqela lethu lamantombazana lidlale okokuqala. Ukuvala imini ngempumelelo enje ynto entle kakhulu,” utshilo uBarker.

“Ndicinga ukuba siwulawule umdlalo phantse zozibini izigaba zomdlalo. Kwisigaba sesibini, iPolokwane isibeke phantsi koxinizelelo emizuzwini yokuqala elishumi. Xa kukho umntu ofake amagowuli amahlanu, onke amehlo abekwa kuye – kodwa uSage Stephens ukhe wenza umsebenzi omhle sisahamba phambili ngegowuli elinye emdlalweni.

“Ibalulekile into ayenzileyo ngoba icime umoya obusibhudla ebaleni. Ndiyazingca ngendlela iqela elidlale ngayo emdlalweni,” utshilo umqeqeshi phambi kokuthetha ngamagowuli afakwe yifolosi yakhe. URayners soze ayilibale imini awangcwaba ngayo iPolokwane ngamagowuli amahlanu eyedwa.

“Ndicinga ukuba amagowuli wethu mahle ngoba siwafumene ngeebhola ezikhatywe ngobuchule bukaRayners. Emva kokunyukela kwindawo yokuqala njengomdlali onamagowuli amaninzi, ndicinga ukuba usiphakamisile isandla njengomdlali ofanelwe liwonga lomdlali wonyaka. Namhlanje uzibonakalisile ukuba uyifolosi esemgangathweni ophezulu.

“Unamendu, uyakwazi ukukhaba ekude futhi ulichule. Nokuba umdlalisa ndawoni, uRayners uyakwazi ukudlala. Uyifolosi ekwaziyo ukuthatha izigqibo ngaphezulu kwezininzi endizaziyo,” utshilo uBarker emva komdlalo ngempelaveki. Ebusuku ngoLwesithathu wale veki, iStellenbosch iza kudibana neGolden Arrowns emdlalweni weDStv Premiership.