Kukhalinyelwa ukubiwa kwezandla zikaBiko engcwabeni lakhe!

Ilitye lengcwaba likaSteve Biko lonakaliswe izandla zingekho.

Kwiiveki ezimbini ezidlulileyo kuvele iindaba zokumoshwa kwengcwaba letshantliziyo lomzabalazo laseGinsberg uSteve Biko, apho kuye kwancothulwa izandla zakhe ezibini ebezi phezulu kwelitye lengcwaba lakhe.

UMphathiswa wezobuGcisa eMpuma Koloni uNonceba Kontsiwe, usigxeke kabukhali esi senzo sokumoshwa kwelitye legqala.

Oku kuza emva kokungena koonqevu eSteve Biko Garden of Remembrance eQonce bancothula izandla ezenziwe ngobhedu (bronze) zikaBiko.

“Akhona namanye amatye esikhumbuzo kumanye amaPondo ogcino mafa akweli loMzantsi Afrika nawo amoshwayo, kwaye oku fanelene kukhalinyelwe kwaye babanjwe abathe gqolo ukwenza oku bajongane nesohlwayo esiqatha,” utshilo uKontsiwe.

Ingcwaba likaSteve Biko lisaphelele. UMFANEKISO: UTHUNYELWE

UKontsiwe uqhube wathi: “Iindawo zethu zamagugu namafa nembali zinika isizwe soMzantsi Afrika ithuba lokuba sikhumbule ixesha elidlulileyo kwaye ziphindwe zilawulwe ukulungiselela isizukulwana esizayo.

“Kubuhlungu kakhulu xa kutshatyalaliswa iindawo zamagugu namafa ethu ngakumbi ezo zingqamene nomzabalazo wenkululeko yethu kanye xa ilizwe libhiyozela iminyaka engamashumi amathathu (30) yenkululeko. Ezi zenzo zibonisa ukonakala kwezimilo nokuswela inkcubeko.”

Eli ziko linengcwaba likaBiko ladizwa njengeNational Heritage Site yiSouth African Heritage Resources Agency (SAHRA), ibambisene noRhulumente wePhondo kwakunye noMasipala iBuffalo City Metropolitan Municipality.

ISebe lithi esi sehlo sibumila kunje akukho kokuqala sisenzeka. Senzeka nakwingcwaba legqala likaPoqo uRobert Mangaliso Sobukwe kowabo eRhafu.

Eli ligqala (Biko) labulawa ngamaPolisa engcinezelo lineminyaka engama32 kuphela ubudala, lazalwa ngo1977, kodwa noba wabhubha eselula ngokokuzalwa zona izinto awazenzayo kuloo minyaka zisesemilonyeni.