[BUKELA] I-SASSA inqumamise abasebenzi ababini ngokusebenzisa umthi eofisini

Amagosa amabini asebenza kwiofisi yakwaSASSA eMkhondo eMpumalanga anqunyanyisiwe ngenxa yokusebenzisa iyeza okanye umthi eofisini, nalapho kuye kwafunyanwa iinaliti nekutyholwa ukuba umthi lo uye watshizwa kwiindawo zokusebenzela zoogxa babo.

Oku kuvele emva kokuba la magosa kunye nabanye abantu ababini ekukholelwa ukuba zizangoma bebanjwe kwiikhamera zeCCTV bengena eofisini emva kweeyure zomsebenzi.

Kwividiyo eqokelelwe kucupho lweekhamera, enye yala madoda ibonwa ijikeleza iofisi ibambe into engathi yinyoka ngelixa enye ibonwa itshiza into engamanzi ejikeleza iofisi.

Esi sehlo senzeke ngomhla weshumi elinesibini kuTshazimpuzi. Iingxelo zithi, oogxa babo bakwaSASSA balumkise abaphathi babo emva kokuba befumene iinaliti eofisini kunye nento eqatywe kwiindawo abasebenza kuzo.

Lo nto ikhokelele ekubeni abasebenzi bangasebenzi kule ofisi iiveki ezimbini de kwangoMvulo emva kokuba kwenziwe amalungiselele ukuba iinkonzo zakwaSASSA zenziwe kwiholo kamasipala.

Isithethi sakwaSASSA eMpumalanga uSenzeni Ngubeni ungqinile ukuba esi sehlo senzekile, uthe amagosa amabini abandakanyekayo anqunyanyisiwe kwaye kusaqhutywa uphando.

“Sifumanise ukuba amagosa ethu amabini abandakanyeka kwesi sehlo. Njengoko kunje, anqunyanyisiwe, kuqhutywa uphando ngokuziphatha kwawo.

“Senze amalungiselelo nomasipala ukuba sisebenzise iholo yasekuhlaleni logama sicoca siqhumisa iofisi. Uluntu luxelelwe ukuba lusebenzise iholo yoluntu,” uthethe watsho uNgubeni.

Nantsi ividiyo: