IseKomani ibhengile kaKumkani uSandile

UKumkani Mgolombane Sandile wamaRharhabe.

Ibhengile yasesihlahleni kaKumkani uSandile wamaRharhabe ilele uthuli kwithala lokugcina imbali kuKomani ukusukela ngexesha elingaziwayo.

La maziko asungulwa ngabantu ababesilwa neeKumkani zeli eziquka uKumkani uSandile wamaRharhabe ababesilwela umhlaba weli.

Imikhonto, iimpahla neentonga ezaziphathwa ngala maqhawe zigcinwe ngokuhambelana nemithetho yaseNtshona kula mathala afana neli ligcine ibhengile kaKumkani uSandile.

Iminyaka eli lizwe livumela abantu ukuba bakhumbule izinto ezililifa kubo, le bhengile lilifa kwisizukulwana sikaKumkani uSandile ngaphandle kwamathandabuzo.

Ukugcinwa kwayo kweli ziko kukuqhubela phambili iinkqubo zokucinezelwa nokuxhatshazwa kwabantu beli.

Ibhengile kaKumkani uSandile.

Izinto ezishiywe ngabantu abakhulu bekhaya zigcinwa kwindlu enkulu yekhaya okanye zinxitywe ngabantu bekhaya abafanelekileyo.

Le bhengile egama layo ekwakusithwa yibusenga kukholeleka ukuba iqale ukugcinwa kweli ziko ekuqaleni kweminyaka yoo1900. UKumkani uSandile wabulawa kwiimfazwe zokugqibela zemihlaba nemida kweli ngoCanzibe ngo1878.

Ukunxiba ibhengile efana nale luphawu olubonisa ubugorha nobunganga bokukhokela okupheleleyo. Xa zibulawa ezi nkokheli bekuthathwa iimpahla ezithili ezizinxibileyo nezinye izinto zamaxabiso ukuze zithinjwe.

Ezinye zezinto ezithathwe kwezi Kumkani neeNkosi namagorha weli zathunyelwa kumazwe aseNtshona ukuze kwenziwe ngazo imiboniso.

Ezi zizinto ekumele ukuba zigcinwe kumakhaya wezi Kumkani ukuze abazukulwana nesizukulwana sabo sazi ngendima edlalwe ngala magorha.

Ngenxa yedabi eliquka iinzame zikaKumkani uSandile, namhlanje isizwe samaRharhabe sanikwa igunya lokuba nobuKumkani. UKumkani uVululwandle Sandile nguye omileyo kubuKumkani bamaRharhabe eMngqesha.

Ukugcinwa kwezi zinto kumaziko okugcina imbali akuhambelani neminqweno yokubuyisela izinto zabantu kubanikazi bazo eziquka umhlaba nezinto eziphathekayo.