UKwanele Kopo ubulela ukwenziwa umqeqeshi oyintloko nguMpengesi

Umqeqeshi weChippa United, uKwanele Kopo, wenze umbulelo ongazenzisiyo kuMnu. Siviwe Mpengesi ngokumenza umqeqeshi oyintloko kwiqela lebhola ekhatywayo elidlala kwiDStv Premiership. Oku ukuthethe emva kokuba AmaZulu aguqise phantsi iChippa United ngamagowuli amabini kwelinye emdlalweni weDStv Premiership obubanjelwe eMoses Mabhida Stadium ngempelaveki egqithileyo. AmaZulu, aye emdlalweni esophisa emva kokubethwa yiPirates kutshanje, alwe kwamdaka iisali afaka amagowuli amabini kwiChippa etsazise igazi kuqala emdlalweni.

Emva komdlalo, uKopo umncomile uMpengesi obone nto kuye engabonwanga ngamanye amaqela iminyaka engamashumi amabini anesihlanu eqeqeshe kuyo kwiMultiChoice encedisa nabaqeqeshi kwiSuperSport Unite ahleli kuyo ixesha elide kakhulu. UMpengesi wothuse umzi ekuqaleni kwalo nyanga ngokuqesha uKopo noThabo September njengabaqeqesgi beqela lakhe ngokubambisana. Oku wakwenza uMpengesi emva kokususa uMorgan Mammila ongayiqalanga kakuhle isizini eqhubekayo. Emva kwemidlalo eliqela, iChippa United iqhube kakuhle kakhulu phantsi kukaKopo noSeptember futhi ayinalo ixahala lezemebe kule isizini emva kweminyaka.

UKopo uxelele iintatheli ukuba unethemba lokuzenzela igama elihle emva kokunikwa ithuba nguMpengesi odume ngokugxotha abaqeqeshi. “Ndibulela uMnu. Chippa Mpengesi nabantu awathetha nabo ukuze andenze umqeqeshi oyintloko. Kumnandi kakhulu kum ukufumana ithuba elinje ngeli emva kokwenze izinto ezininzi ebholeni yaseMzantsi Afrika,” utshilo uKopo emva komdlalo ogqithileyo. Nangona iChippa ingenalo ixhala lezembe ngoku, into esezingqondweni zabaqeqeshi kukungena kwiTop 8. Ngelishwa, izinto azihambanga kakuhle emdlalweni obuseMoses Mabhida Stadium.

Ethetha ngomdlalo iChippa ebethwe kuwo, uKopo uthe kukhona ukudinwa okuqaphelekileyo ebadlalini bakhe. Kule veki, iChippa iza kujongana nemidlalo emibini ebalulekileyo. Ngolwesithathu, iChippa eyophisayo emva kokubethwa eThekwini, iza kuzama ukulungisa izinto xa idibana neMoroka Swallows emdlalweni weDStv Premiership oza kube useBuffalo City Stadium ngentsimbi yesithathu emalanga. Komnye umdlalo, iza kudibana nePirates emdlalweni weNedbank Cup. “Ukungalweli izembe yeyona nto enkulu kuthi. Emdlalweni ongoLwesithathu, siza kujonga abadlali abaza kusinceda emdlalweni ongempelaveki,” utshilo uKopo.