Xibilili izibilini kuJohnson emva kokuphumelela kwiKaizer Chiefs!

Zithe xibilili izibilini kuCavin Johnson nakubadlali bakhe emva kokuphumelela kweKaizer Chiefs kwimpelaveki egqithileyo. Oku kwenzeke emva kokuba iChiefs ibethe iSuperSport United ngamagowuli amabini kwelinye emdlalweni weDStv Premiership obubanjelwe ePeter Mokaba Stadium. Amagowuli ephumelele ngawo iChiefs afakwe nguChristian Saile kwisigaba sokuqala noMduduzi Shabalala kwisigaba sesibini somdlalo. Impumelelo yeChiefs ivele emva kwexesha elide ingasaqhubi kakuhle futhi isecicini lokuphoswa nayiTop 8 amaqela amaninzi alwela ukungena kuyo xa kuphela isizini.

Impumelelo ezuzwe ngaMakhosi yeyesibini kulo nyaka. Ukuba ebebethwe yiSuperSport, ebesecicini okulwela ukuphepha izembe. Ngethamsanqa, amanqaku amathathu aqinisekise ukuba Amakhosi abuyela kwiTop 8. Emva komdlalo, umqeqeshi weChiefs uvumile ukuba umdlalo ubunzima kakhulu – kodwa wazamkela ngovuyo olukhulu iziphumo zomdlalo. Amatsatsantsa, aphantsi koxinizelelo, aye emdlalweni efuna ukuphumelela emva kwemidlalo emihlanu agqibela ukuphumelela. Ebenalo ithemba emva kwepenela efakwe nguTerrence Dzvukamanja – kodwa ngelishwa akabhaqanga nto.

“Umdlalo ubunzima kakhulu. Kusoloko kunzima ukudlala neqela likaGavin Hunt – kodwa ke siwafumene amagowuli,” utshilo uJohnson emva komdlalo ewudlale bhetele iChiefs kuneminye imidlalo egqithileyo. “Abadlali badlale umdlalo obhetele kakhulu futhi badlale bekhululekile namhlanje. Ukusebenza kwethu ngokuzimisele kuvelise iziphumo ekudala sizilangazelela. Siwafumene amanqaku amathathu – eyona nto ebesiyifunna kakhulu,” utshilo uJohnson, ochaze uSaile njengomdlali ozimiseleyo ejimini kuba efuna ukwenza ngcono emidlalweni yeChiefs.

Nakubeni Amakhosi ebengaqhubi kakuhle, uJohnson wathembisa ngelithi baza kulwa kude kube sekugqibeleni kwesizini. Emidlalweni emihlanu eshiyekileyo, Amakhosi akayincamanga indawo yesibini kwiDStv Premiership ngokutsho komqeqeshi emidlalweni egqithileyo. Kutshanje uJohnson uxelele amajelo eendaba ukuba iqela lakhe ligxeleshe indawo yesibini ebanjwe yiStellenbosch FC ebangisana ne’Orlando Pirates. Kulindeleke ukuba iChiefs yamkele iMamelodi Sundowns esaxhelekileyo kwiveki ezayo emdlalweni oza kutaka iintlantsi eFNB Stadium kwiveki ezayo.