Lithi akukho nkululeko igqala lomzabalazo

Umfundisi kunye netshantliziyo lomzabalazo uAllan Boesak.

Igama lika-Allan Boesak waseKapa liyaziwa ngabo bebekho ngexesha bekuduntsuzwa kusilelwa inkululeko yelizwe loMzantsi Afrika ngenxa yegalelo lakhe.

UAllan Boesak uswantsulise urhulumente welizwe loMzantsi Afrika wexesha lengcinezelo encama umsebenzi wakhe wobufundisi.

“Xa besizabalaza sasingalindelanga nzuzo, sasingayazi inzuzo yeziqu yokuzabala, kodwa inzuzo ebesiyazi yinkululeko yabantu kuphela, kodwa namhlanje sikubona kulilize konke oko,” kucacisa uAllan Boesak.

UAllan Boesak ekunye noTrevor Manuel noMosiuoa Lekota nabanye basungula umbutho owathi wanceda iANC ukuba ibekule ndawo ikuyo iUnited Democratic Front (UDF).

Ngentseni eyayinengqatsini yelanga uBoesak ekunye noogxa bakhe basungula lo mbutho eRocklands eMitchells Plain eKapa besenza igalelo labo kumzabalazo.

“Ngexesha lobandlululo abantu abafana nam ngebala babebizwa ngokuba ngabantu bebala, iinkqubo zeANC zifike zayikhuthaza lonto, sisabizwa ngokuba singabantu bebala kunanamhlanje,” kutsho uBoesak.

Uthi uva kabuhlungu xa ebona iintsapho zabantu awayezabalaza nabo ababhubhayo behlupheka bedinga iinkonzo zokuphila.

“Ayikho mgaqweni kwa lento ithi kubhiyozelwa inkululeko, kumele ukuba kuthwa kukhunjulwa iminyaka engamashumi amathathu enkululeko,” kutsho uBoesak.

Ngenxa yomsebenzi wakhe ekwiUDF, abantu abamnyama nabebala baseKapa bamanyana bejonge ukuncothula neengcambu urhulumente wobandlululo.

“Xa ndijonga indlela abantu abatsha abaphila ngayo namhlanje, ndiva kabuhlungu kuba basalwela imali yokufunda, esasicinga ukuba kwesi sizukulwana iyakuba ingekho kuluhlu lwezinto ezimele ukuba ziyalwelwa,” ugadlele watsho uBoesak.

Ilizwe loMzantsi Afrika libhiyozele iminyaka engamashumi amathathu wenkululeko ukusukela ngonyaka ka1994.

“Abantu belizwe loMzantsi Afrika bayakwazi ukunyamezela, banyamezele iminyaka emininzi phantsi korhulumente ebekhohlakele wobandlululo, sinethemba lokuba baza kuzikhulula nakule imeko bakuyo ngoku,” uhambise watsho uBoesak. Baninzi abantu beli abathe babhubha ngenxa yokuzabalazela inkululeko exhamlwa sisininzi kweli.

Kuqhutywe imibhiyozo yomhla wenkululeko kwiindawo ezahlukeneyo zeli ngelikhumbula umhla wamashumi amabini anesixhenxe kwinyanga kaTshazimpuzi. Iinkokeli zopolitiko noluntu ngokubanzi bathethe izinto ezahlukeneyo malunga noSuku lweNkululeko nemibhiyozo yalo.