Kuqalile ukuvunwa kwegwava

Igwava emthini.

Inyanga kaTshazimpuzi yinyanga yokuvunwa kwegwava kweli ingakumbi kwiifama zaseNtshona Koloni.

Ukusukela kule nyanga kaTshazimpuzi ukuya ngoDisemba, amafama wegwava axakeka ukuvuna esi siqhamo sithandwa kakhulu ngenxa yencasa kwakunye nevumba elimnandi.

Ivumba legwava yenye yezinto eqobisa ngayo xa izilwela izithethelela kwezinye iziqhamo ezithandwa sisininzi kweli nakwihlabathi.

Ingxelo ekhutshwe ngumbutho iGuava Producers Association ngomlomo kaJacques Jordaan, ithi siza kuhla ngeepesenti ezintlanu ekhulwini isivuno segwava kulo nyaka.

Oku kuhambelana nokuhla kwezinga lesivuno kwiimveliso ezininzi zolimo eziquka iinkozo, iziqhamo nezinye.

“Isivuno segwava sonyaka ophelileyo sothuse wonke ubani kuba sizibone sifumana isivuno esiphezulu kakhulu, kodwa kulo nyaka siza kuhla eso sivuno ngenxa yeengxaki ezahlukeneyo,” kutsho uJordaan.

Uhambisa athi zibonakale kwakunyaka ophelileyo iimpawu zokuba kuza kubakho ingxaki kwisivuno segwava yalo nyaka.

“Kunyaka ophelileyo isivuno besininzi kodwa umgangatho wegwava wehlile, ngoko umgangatho wegaqa ngalinye ubalulekile kwimveliso yomfama,” kucacisa uJordaan.

“Kulindeleke isivuno esizitoni ezingamashumi amabini anamashumi amahlanu amawaka kwisivuno salo nyaka, kunyaka ophelileyo besifumene isivuno samashumi amabini anesithandathu eetoni zesivuno,” kutsho uJordaan.

Igwava esisikiweyo ibomvu kwaye ivuthiwe. Umfanekiso: Murilo Mazzo Gualda

Imveliso yesiqhamo segwava yenza izinto ezahlukeneyo ezithi zityiwe, kodwa imveliso yejusi yegwava ihamba phambili kuzwelonke.

UWillem Grobbelaar naye ukwaligosa elikhulu kwiGuava Producers Association uthi zininzi iingxaki ezibangela ukuhla kwesivuno segwava.

“Imozulu eguqukayo ngoyena nobangela wokuba sibone isivuno esincinci kulo nyaka, umoya ovuthuza ngamandla, ilanga eligqithisileyo nokunqaba kwemvula ngamaxesha efuneka ngawo,” kutsho uGrobbelaar.

Ngexesha lokuphatha korhulumente waseTranskei, abahlali basezilalini babekhuthazwa ukuba batyale iziqhamo eziquka igwava, ikwepile, irharnati nezinye.

Oku kwenza ukuba amafama asezilalini axhobe ngento yonke ukujongana neengxaki ezazibangela iindlala. Amabhoma eziqhamo ayetyalwa luluntu ngelo xesha abangela ukuba uluntu lufunde ngeziqhamo ezifana negwava.

Kwiindawo zaseMampondweni igwava sesinye seziqhamo ezikhulela nje singatyalwanga ngenxa yokutyeba komhlaba.

“Sinethemba lokuba imeko izakuguquka nanjengoko kukho ithemba lemvula entle kobu busika, ezo ziqhamo zegwava zingekagqibi zakufumana imvula ukuze zigqibezele ukukhula,” kucacisa uGrobbelaar.

Kulindeleke ukuba ivunwe igwava kude kufike inyanga yokugqibela yalo nyaka, ukuze kulungiselelwe ukutyala kwakhona.