URulani uzityanda igila ngeDowns emva kokukhutshwa kwiChampions League

URhulani Mokwena ngumqeqeshi weMamelodi Sundowns. Umfanekiso: ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Umqeqeshi weMamelodi Sundowns, uRulani Mokwena, ushiyeke ephoxekile emva kokungaphumeleli kweenzame zakhe zokuphakamisa enye yeendebe ezinkulu eAfrika. OkaMokwena uzityande igila koonondaba emva kokuba iSundowns ibethwe yiEsperance de Tunis ngegowuli elinye eqandeni emdlalweni weCAF Champions League obubanjelwe eLoftus Stadium ebusuku ngoLwesihlanu weveki ephelileyo.

Ngelishwa layo iSundowns, yabethwa ngegowuli elinye nasemdlalweni wokuqala eTunisia. UMokwena ulibeke kuye ityala lokubethwa kweSundowns wavuma futhi ukuba wenze impazamo. Bekunyanzelekile iSundowns iphumelele ebaleni layo ukuze iye phambili.

Noxa idlale kakuhle emdlalweni ngoLwesihlanu – kodwa ayikwazanga ukufumana igowuli okanye amagowuli abenokuyinceda ngoba iEsperance ibivale onke amazibuko ePitoli.

Okothuse abantu abaninzi kukuba umqeqeshi ukhethe ukuqala umdlalo ngaphandle kwabadlali bakhe abayingozi abaquka uThemba Zwane, Aubrey Modiba noThembinkosi Lorch.

Indawo yabo ibibonakala noxa iqela laseTunisia liyidlalele impumelelo yalo. “Ngelishwa, iziphumo zezona zikuxelayo ukuba wenze izigqibo ezilungileyo okanye ezingalunganga. Emva kokukhutshwa kwiChampions League, ndiyavuma andenzanga kakuhle,” utshilo uMokwena emva komdlalo.

“Ngamanye amaxesha izinto zenzeka ngendlela oyifunayo, ngamanye amaxesha andikwazi ukufumana iziphumo ezidingekayo. Njengenkokeli yeqela, andikwazi ukuzimela ke kuba sibethiwe,” utshilo uMokwena obenethemba lokuphakamisa indebe yeChampions League kule sizini.

Uthe uzimisele ukuhlala kwiSundowns aqhubele phambili nomsebenzi wakhe – kodwa wakhumbuza abantu ukuba uneminyaka eyi37 qha futhi usekunyaka wakhe wokuqala njengomqeqeshi weSundowns.

“Abantu baseMzantsi Afrika bayalibala ukuba ndineminyaka eyi37,” utshilo uMokwena okhwele ezehlela kubalandeli abaxhasa iqela kuba libatyisa ngoBetway ekungcakazwa kuye.

“Ndikunyaka wam wokuqala njengomqeqeshi weSundowns. Sesiphumelele iindebe eziquka iNedbank Cup, MTN8 Cup neAfrican Football League. Ndiyazingca xa ndijonga okwenzekileyo kwiSundowns ngeli thuba endibe ngumqeqeshi ngalo,” utshilo uMokwena.