Bangathenjwa na oozimele geqe?

Abagqatswa abazimeleyo kwezopolitiko nabo baqalile ukuxhoma nokubonakalisa ubuso namagama abo kwiindawo abakhangela kuzo inkxaso. Eli gama lithi zimele geqe lalixhaphakile kakhulu ngamaxesha wolawulo lamaphandle afana neTranskei.

Babekho abo babengengo malunga waloo mibutho yeyikho ngeloxesha, kodwa babekhetha ukuba bavotelwe bezimele geqe.

Kwiidolophu ezincinci zeMpuma Koloni ziyabonakala izinto ezibonisa ubuso namagama waba zimele geqe, becenga befuna ukuvotelwa ngabantu.

Umbuzo omiyo ngowokuba, ingaba bangathenjwa na aba bantu ukuba ngenene bazakumela iimfuno zabantu? Badinga ukuvotelwa ngexesha apho abantu bahlupheke kakhulu behlutshekiswa kukuxokiswa ziinkokheli zopolitiko.

Ukusungulwa kwemibutho emininzi yezopolitiko kubonisa ukuba ngenene abavoti abasazikholelwa iinkokheli abebekholelwa kuzo ngaphambili. Ingaba baza kuthenjwa ngabantu aba zimele geqe? Ingaba beza nantoni eluntwini? Beza kuyithatha phi loo nto baza kuthembisa ngokuyenza?

Amaxesha amaninzi ngenxa yolawulo lwesininzi izigqibo epalamente kazwelonke nakumaphondo zithathwa ngokusekelezelwe kumanani axhasa uluvo oluthile.

Aba zimele geqe bazakulenza njani ifuthe labo livakale kuba abanawo amanani okufuthela izigqibo epalamente. Bona beziziqu bambalwana, ambalwa namathuba okuba bangaxhaswa yimibutho emincinci kuba nayo ikhangela amanani okuqinisa iqulo layo.

Abantu xa bevotela imibutho okanye oozimele geqe abanje ngaba benzela ukuba kwenziwe ifuthe negalelo kwindlela ekulawulwa ngayo. Okulandelayo kukuba ekugqibeleni aba zimele geqe bathembisa abantu ngeenkonzo ezigqibeleleyo zikarhulumente.

Bazakunikisa ngeenkonzo abazakuzenza njani, kaloku iinkonzo zisuka kurhulumente ophetheyo. Ingaba la madoda namakhosikazi aza kuyithatha phi imali yokwakha iindlela nezinye iinkonzo ezidingwa luluntu.

Kumele kona ukuba balinikwe ithuba njengoko imigqaliselo yentando yesininzi inyanzelisa njalo. Kodwa makujongwe inyaniso yezi zinto zonke, umbutho umi wona ukuba ngenene baza kuzithatha phi ezi zinto bathembisa ngazo.

Amaxesha amaninzi oorhulumente abalawulayo bayawacinezela la maqela ngokuwavimba amathuba okubonelela uluntu ngeenkonzo.

Kwelinye ke icala, ukuba kubekho oozimele geqe abakhoyo kolu lonyulo ithetha ukuba ulawulo lwesininzi luyasebenza ngokwenene eMzantsi Afrika.

Kuya kubaluleka ukuba oozimele geqe bathethe inyani yokuba akukho nto bazakuyenzela abantu ncam, kuba nabo baxhomekeke kwinkxaso yombutho olawulayo.

Kungenza umahluko ukuba bangadibana neminye imibutho baxhasane ngokwamanani abawafumene kolu lonyulo. Lo ngumbono weenkokheli ezininzi zemibutho ephikisayo ngelithi leyo iyakuba yindlela yokukhupha iANC elulawulweni.