Ikhululwe inkosikazi yaseKSD ejongene nezityholo zokubulala!

Izakubuyela ngomhla wamashumi amabini anesine (24) kwinyanga ezayo kaMeyi, inkosikazi yaseMthatha nenguCeba kuMasipala iKing Sabata Dalindyebo phantsi kombutho olawulayo iANC, ejongene nezityolo zokubulala.

Le nkosikazi uNoluyolo Mayi (39) uvelile kule veki kwiNkundla yamaTyala eMthatha kunye nabanye abahlanu atyholwa nabo, nabakhululwe ngebheyile.

UMayi ukhululwe ngebheyile yeR2000 kwaye uphando malunga neli tyala lokubulala lusaphandwa.

Ukubanjwa kwabo kumayelana nokubulawa kweGosa lezoMthetho eKSD kwinyanga ephelileyo kaMatshi.

UMasipala waseKSD kwingxelo eyikhuphileyo uthi oku kuyaxhalabisa kwaye badanile. Kule ngxelo iqhube yathi, ezi zityholo bazithathela ingqalelo, kodwa kunjalo bazakuyekela kwingalo yoMthetho iqhube nophando lwayo.

Lo Masipala uthi ufuna ukuqinisekisa ukuba esi senzo asizukuphazamisana neenkonzo zoluntu. Kwaye ukwathi esi sehlo senzekileyo uyasikhalimela.

UMayi nguCeba kwaWadi 33, kwaSpecial Programme Unit, wangena eofisini ngoNovemba ka2021.