Kulindeleke ukukhula kwimveliso kajongilanga

Intsimi kajongilanga. Umfanekiso: Evett Kilmartin

Ujongilanga sesinye sezityalo eziveliswa kakhulu ngamafama eMzantsi Afrika, ingakumbi kwiindawo ezikumbindi welizwe.

Amafama weendawo ezifana neFreyistata ahamba phambili ngokuvelisa ujongilanga kweli nakumazantsi weAfrika. Ingxelo yeBureau for Food and Agricultural Policy ithi inyuke ngamashumi amabini anesibhozo eepesenti ekhulwini.

Kuthiwa kulindeleke okunye ukukhula okumandla kwimveliso kajongilanga ngonyaka ka2030, kwaye oku kuthetha ukuba uMzantsi Afrika useza kuhamba phambili.

Esi sityalo singujongilanga simelana ngamandla nembalela ejijisana nelizwe loMzantsi Afrika. Izityalo zikajongilanga zincanca amanzi emhlabeni ngokwaneleyo ngenxa yokuba zineengcambu ezitshonayo emhlabeni.

Kuthiwa imveliso kajongilanga yogqithe imveliso yeembotyi zohlobo lweSoya kweli kule minyaka igqithileyo. Ngenxa yokuvela kwamathuba amatsha okuthengiswa kukajongilanga kulindeleke ukuba ikhule intengiso kajongilanga.

Imveliso kajongilanga ikwasetyenziswa ukuvelisa idizili esetyenziswa kwizithuthi nabanye oomatshini abasebenza ngamandla kwezolimo.

Kula maxesha anzima abangelwa kukuguquka kwemozulu, amafama ayakhuthazwa ukuba akhe ulwazi oluphangaleleyo ngoojongilanga.

Ngokusebenzisa ixesha elilo lonyaka, izichumiso, amayeza okulwa izinambuzane, amafama angavuna ujongilanga osemgangathweni nokwixabiso elinokuthengiseka.

Ukuqiniseka ngohlobo lwembewu efanele umhlaba wakho mfama kusoloko kubalulekile kuwe ukuba ujonge ukuvelisa ujongilanga osemgangathweni.

Ukukhula komgangatho wemveliso kajongilanga kwihlabathi kuxhomekeke ngamandla kuphando ngqangi ekumele ukuba lwenziwa ngamafama avelisa esi sityalo.

Baninzi abantu beli abaqeshwe ziifama ezivelisa ujongilanga, oku kwenza igalelo elimandla kwimeko yentlalo yoluntu ngokubanzi.

Eyona ngxaki iphambili ekuveliseni oojongilanga zizifo eziquka eso sihlasela intloko kajongilanga kwakunye neentaka ezithi sakuvuthwa esi sityalo zizenzele.

Kunyaka ophelileyo ujongilanga utyalwe kumhlaba ozihektare ezingamakhulu amahlanu ezigidi kuzwelonke.

Ikhulu lezigidi zeehektare zalo mhlaba zityalwe kwiphondo laseFreyistata, Mntla Ntshona naseLimpopo. Olithoba amaphondo kweli anawo amafama avelisa ujongilanga, kodwa iFreyistata noMntla Ntshona ahamba phambili.