Isebe likhangela icebo lokulwa imbalela

Isebe lezolimo nophuhliso lwamaphandle kweli loMzantsi Afrika lidize ukuba liwuqwalasele ngeliso elibanzi umba wembalela ehlasela amafama kweli.

Ukusukela ekupheleni konyaka ophelileyo amafama weli agagene nengxaki yokunqongophala kwemvula. Oku kunqongophala kwemvula kukhatshwa kukunyuka kwamaqondo obushushu aphezulu.

Konke oku kubangele ukutsha kwezityalo ezifana nombona, ezisindileyo zezo bezityalwe phambi kwenyanga kaDisemba.

Othethe egameni lesebe lezolimo nophuhliso lwamaphandle kuzwelonke uReggie Ngcobo uchaza ngcono malunga noku.

“Ngenxa yale meko ikomiti iCrops Estimate Committee iqikelela ukuba isivuno semveliso zeenkozo sizakuhla ngamashumi amabini ananye ekhulwini eepesenti kulo nyaka,” kutsho uNgcobo.

Kuthiwa oku kwenza umbona okanye iimveliso zombona ziza kwenza umyinge weetoni zezigidi ezilishumi elinesihlanu.

“Nangona kunjalo, umbona kunye nezinye iimveliso zombona ziya kwanela ukuba zithengiswe ukuze zityiwe ngabantu baseMzantsi Afrika, kodwa iimveliso eziza kuthengiswa ziza kuba kwiqondo eliphantsi,” kutsho uNgcobo.

Uhambisa athi amazwe asebumelwaneni axhomekeke kwimveliso yombona woMzantsi Afrika azakubetheka kakhulu ngenxa yoku.

“Ngaphandle koku kuzakubakho iingxaki zokuveliswa kwesidlo semfuyo okuncedisana namafama ingakumbi ngeli xesha lasebusika,” kutsho uNgcobo.

Uhambisa athi amafama avelisa imifuno ngawo azakuqhubeka esenza umsebenzi wawo ngaphandle kwengxaki nangona ilizwe lijongene nembalela.

“Injongo yethu kukufumana ulwazi olaneleyo ukuze emva koko sithathe amanyathelo okunceda amafama, sele sigqithise ingxelo epalamente sixelela amalungu ngengxaki yembalela,” kutsho uNgcobo.

UNgcobo uthi umphathiswa wela sebe uThoko Didiza uzakuthethana nemibutho yamafama. “Oku kuza kunceda ukuba sifumane ulwazi lokuba siqalise ukunceda amafama athwaxwa yimbalela kuzwelonke,” kucacisa uNgcobo.