AmaPolisa akhangela ababulali bomdlali weKaizer Chiefs

ULuke Fleurs ebengumdlali weKaizer Chiefs.

AmaPolisa akhangela amadoda amabini arhanelwa ngokubulala umdlali weKaizer Chiefs izolo ebusuku. Ingxelo ekhutshwe ngabakwantsasana ithi uLuke Fleurs uxhonyiswe ngamadoda angaziwayo esitishini eyokugalela amafutha emotweni yakhe eluhlobo oluyiVW Golf 8 GTI kwindawo ekuthiwa yiHoneydew emantla weJohannesburg. Isithethi samaPolisa kwiphondo laseGauteng, uKholonel Mavela Masondo, uthe amadoda amabini amkhombe ngompu (umfi) phambi kokumyalela ukuba aphume emotweni yakhe.

Amdubule kumzimba ongasentla, emva koko omnye wabarhanelwa uhambe ngemoto yakhe. UMasondo uthi uFleurs ubalekiselwe esibhedlele, ngelishwa ufike sele ebhubhile. AmaPolisa avule ityala ngoku akhangela abarhanelwa. UMkomishinala wamaPolisa kwiphondo laseGauteng, uNjengele Tommy Mthombeni, ukhuphe oomanqanqa babecuphi abaza kukhangela ababulali bomdlali weChiefs. Iindaba ngesehlo sikaFleurs, ezothuse abantu abaninzi, zivakele ezinzulwini zobusuku izolo.

AmaPolisa acela nabani na onolwazi ukuba aye kwisikhululo sawo esikufutshane kuye okanye awatsalele umnxeba kwinombilo engu: 086 001 0111. UFleurs, 24, uhambe emhlabeni engumdlali weChiefs noxa ebengekayidlaleli. Ufike kuyo kunyaka ophelileyo emva kokushiya iSuperSport United ayidlalele iminyaka eliqela. Amakhosi avakalise ukukhathazeka kwawo kwingxelo ebhaliweyo ayipapashe kumakhasi onxibelelwano atsho esithi uphando lusezandleni labomthetho.

Kwelinye icala, iPSL neSafa, zivakalise ukothuka emva kokubhubha kukaFleurs. “SiyiPSL sifuna ukuvakalisa ukunxunguphala kwethu emva kokuvakala kweendaba zokusweleka kukaLuke Fleurs. Ngxe kusapho lakwaFluers, kwiChiefs nakubo bonke abalandeli bebhola ekhatywayo,” itshilo iPSL ngentseni yanamhlanje. Kulindeleke ukuba iinkcukacha zomhla wokubekwa kwakhe kwikhaya lokugqibela zibhengezwe kwiintsuku ezilandelayo. I’solezwe lithi ngxe, igalelo likaLuke ngeke lilityalwe ebholeni ekhatywayo.