ISiyimpendulo izicelela iimpahla ezindala zabantwana

Amalungu eSiyimpendulo NPO eNdevana, le yenye yengqokelala yeempahla abaziphiwe luluntu emva kokucela kumakhasi onxibelelwano nezizakuthi inikwe abo bangathathintweni. UMFANEKISO: UTHUNYELWE

Abantu abatsha baseNdevana, eQonce, emva kokuqaphela ukuba kusekho abantwana abaphuma kumakhaya angathathintweni nabasakwaziyo ukuya esikolweni bengatyanga, nabaya esikolweni bohlukile kwabanye ngesinxibo sesikolo ngenxa yokudinga izihlangu neejezi, babone kubalulekile ukuba benze utshintsho kwabo ngokuthi basungule umbutho ongenanzuzo (NPO) nabawuthiye igama elithi Siyimpendulo Nonprofit Organisation.

La malungu eSiyimpendulo NPO mahlanu, nguSiyabulela Booi, Okuhle Galada, Onke Mhlalasa, Athenkosi Vuyiseka Ngengwana kunye noNkosinathi Mdwekesha.

Ethetha neli phephandaba omnye wamalungu uAthenkosi Vuyiseka, uthi, bahlale phantsi beza nesisombululo emva kokubona le meko imbi yabantwana. Uthi umntwana owohlukileyo kwabanye abantwana oko kuye kumthobe amandla kwinto yonke, azidele azibone ohlukile kunabanye kwaye nasezifundweni angaqhubi kakuhle.

Amalungu eSiyimpendulo NPO ngethuba esolula isandla ngeyunifom kwinkwenkwana ethile nezitsalela nzima eNdevana. UMFANEKISO: UTHUNYELWE

Uthi injongo yabo yokusungula le NPO kukuba befuna ukukhawulelana nale mingeni ijongene nabantwana kwaye babuyisele nesidima somntwana omnyama.

UAthenkosi Vuyiseka uthi, bakwancedisana nabazali abanabantwana abangenazo iziqinisekiso zokuzalwa.

“Enye yenjongo yethu ephambili ngale NGO kukuphucula imfundo ingakumbi kwabo basekumabanga aphantsi. Siqaphele ukuba liye lisehla izinga leziphumo kwizikolo apha eNdevana. Sikwafundisa ngobungozi bokusebenzisa iziyobisi kwanokubhulishana kwabo ezikolweni. Kuninzi esikwenzayo Siyimpendulo nesijonge ukukwenza,” utshilo uAthenkosi Vuyiseka.

Uthi bacela nabani na onokubaxhasa nangeempahla zokunxiba ezingasanxitywayo, kuba abajonganga kwiyunifom kuphela. Uthi bavule le NPO inomahluko ejongene nolutsha ngeenjongo zenguqu eyonwabisayo. Ukwathi zininzi iiNPO eNdevana kodwa ezingajongananga nezi ngxaki izikhankanye ngasentla.

ISiyimpendulo sele ityelele izikolo ezimbalwa, namakhaya iphisa ngeePads, ngokutya nangeempahla kwabasweleyo.

Lowo unomdla wokunceda angabhalela le NPO kwikhasi labo likaFacebook elithi “Siyimpendulo” okanye athumele i-imeyile ku-siyimpendulo2024@gmail.com.