UMapisa-Nqakula uzibeka phantsi iintambo njengoSomlomo wePalamente

UMapisa-Nqakula uzibeka phantsi iintambo njengoSomlomo wePalamente.

UNosiviwe Mapisa-Nqakula uthi ukurhoxa kwakhe njengoSomlomo wePalamente kwanelungu lePalamente ayikokuvuma ukuba unetyala.

UMapisa-Nqakula ubhengeze ngale njikalanga ukuba uzibeka phantsi iintambo ngoko nangoko.

Ukurhoxa kwakhe kuza kanye emva kosuku ephulukene nesicelo sakhe kwinkundla ephakamileyo sokunqanda ukubanjwa ngenxa yezityholo zokufumana izinyobo ngethuba enguMphathiswa wezoKhuselo.

UMapisa-Nqakula uneminyaka engamashumi amathathu (30) elilungu lePalamente.

Ebesele enguSomlomo wePalamente iminyaka emibini enesiqingatha.

Kwingxelo yokurhoxa kwakhe, uMapisa-Nqakula uthi uthathe isigqibo sokubamba isidima sePalamente.

“Isikhundla sikaSomlomo weNdlu yoWiso-mthetho yoMzantsi Afrika sibalulekile kulwakhiwo nophuhliso lwelizwe lethu. Andikwazi ukuqhubeka kwesi sikhundla.

“Njengomphathi-mthetho oyintloko welizwe, ndibambe uxanduva olungundoqo lokukhusela nokugcina isidima sePalamente ngokuqinisekisa ukuba izenzo zam ziqinisekisa ukuba umsebenzi wayo kufuneka uqhubeke ngaphandle kwempazamo,” itshilo ingxelo.

Lo kaMapisa-Nqakula uphantsi koxinizelelo lwamaqela aphikisayo ukuba arhoxe okanye ajongane nesindululo sokungamthembi esibekwe yiDemocratic Alliance (DA).

Nangona ebengazukubuyela ePalamente emva konyulo lukaCanzibe, uMapisa-Nqakula uthi uselilungu elizinikeleyo kwiAfrican National Congress (ANC).

Ubambe izikhundla zabaphathiswa ezahlukeneyo eziquka iMicimbi yezeKhaya, iiNkonzo zoLuleko kunye nezoKhuselo.