Intwazana yenza ezibukwayo koonobuhle

USibalwethu Mhlantla. UMFANEKISO: UTHUNYELWE

Ngendlela aphumelele ngayo ukuza kuthi ga ngoku, akukholeleki ukuba uqale nje ukuthatha inxaxheba kukhuphiswano loonobuhle kunyaka ophelileyo kwinyanga yoKwindla. USibalwethu Mhlantla yintwazana eneminyaka emithandathu yakwaDikidikana ngaseQonce neyenza ezibukwayo koonobuhle.

Lo mfundi kaGrade 1 kwisikolo samabanga aphantsi iSchornville kutshanje ebemele iMpuma Koloni kukhuphiswano lukaMiss Junior Remarkable South Africa eMpumalanga.

Umama kaSibalwethu, uAsalinto Mhlantla, encokola nephephandaba I’solezwe lesiXhosa uthe ebengoyena mncinci kudidi lwakhe nanjengoko ebekhuphisana namantombazana amadala kunaye.

USibalwethu Mhlantla. UMFANEKISO: UTHUNYELWE

“Ebengenelele nabantwana abaneminyaka eyi12 ne13 kwaye wayengoyena mncinci kolu didi, kodwa walwa de kwasekugqibeleni waphumelela uMiss Junior Remarkable South Africa 2024 2nd Princess kunye nezinye ezongezelelweyo, uMiss Junior Best Community Work, uMiss Junior kunye neBest Talented Walk,” utshilo uAsalinto, umama kaSibalwethu.

Umama kaSibalwethu uthi intombi yakhe yangenela oonobuhle emva kokuba eyicebise ukuba izibandakanye nabo ukuze ikhulise ukuzithemba kwayo.

Uthi uSibalwethu ukhule eneentsumpa ebusweni kwaye wayengathandi ukubuzwa ngazo de angafuni nokuya esikolweni, ezivenkileni okanye adlale nabanye abantwana.

USibalwethu Mhlantla. UMFANEKISO: UTHUNYELWE

Ngoku uSibalwethu sele efumene ukuzithemba, umama wakhe uthi intombi yakhe inethuba lokuya phambili koonobuhle kwaye ukwanceda nabanye.

“Ukwangumsunguli kaMiss Dikidikana nenjongo yokukhuthaza abantwana ukuba bazithembe,” utshilo umama kaSibalwethu.

Kunyaka ophelileyo kweyeThupha, le ntwazana yanikezela ngeeklasi zokumodela zasimahla kubantwana bengingqi yakhe kwaye yamema isithethi esikhuthazayo ukuba athethe nabo malunga nendlela umntu oyimodeli ekufuneka aziphathe ngayo.

USibalwethu Mhlantla. UMFANEKISO: UTHUNYELWE

Ezinye iziwonga aziphumeleleyo nguMiss Tiny Summer Komga 2023 2nd Princess, Miss Petite Idol S.A 2023, Pre-teen 2nd Princess, Miss Back to God Tiny 2nd Princess, Miss Little Optimistic 2023 kunye noMiss Beauty.

Nanjengoko isengumfundi, le ntwazana izibandakanya noonobuhle ngeempelaveki.

Kwixesha elizayo unqwenela ukuthatha inxaxheba kuMiss Teen Globe South Africa.