Maziqalise ukukhotha ilitye iinkomo mafama

Amaqondo obushushu ayaqala ukwehla kwiindawo ezininzi zeli, ingakumbi eMpuma Koloni, kwelinye icala ingca iqalisa ukuba mhlophe.

Oku kuthetha ukuba izakhamzimba ezifunyanwa ziinkomo engceni ziyanyamalala ngenxa yefuthe lobusika obubonakala bungxamile.

Xa ingca imhlophe ibonisa ukuba zimkile okanye zehlile izakhamzimba ezincedisa imfuyo njengeenkomo ukuba zikwazi ukumelana nobusika obuzayo.

Oku ke kuthetha ukuba amafama mawaqalise ukuthenga ilitye lokukhothisa iinkomo zawo. Ngaphandle kokuba zikhothe eli litye, iinkomo azikwazi kumelana nengxaki yengqele nezinye iingxaki zasebusika.

Iinkomo ngokwendalo yazo azimelani nengqele, ngenxa yengqele ziqalisa ukubhitya, kodwa xa zikhotha eli litye ziyomelela zimelane nako konke.

Oku kwenza ukuba zingakwazi ukuvelisa inyama esemgangathweni ofunekayo, okanye amathole angalufumani ubisi alufuna koonina.

Ukukhothisa inkomo ilitye yinto ekudala isenziwa ngamafama weenkomo ngenxa yenzuzo yempilo equlethwe leli litye.

Eli litye lisetyenziswa ukuze iinkomo zilikhothe kanye xa ingca iqalisa ukukhuthuka okanye iphela emadlelweni. Ukukhotha eli litye kwenza ukuba iinkomo zimelane nembalela, ingqele kwanezinye iingxaki ezikhoboza umzimba wenkomo.

Iingcali zicebisa ukuba amafama mawaqhubeke enika iinkomo zawo ilitye kuze kuqalise iinyanga zentwasahlobo okanye ekuqaleni kwehlobo. Kubalulekile ukuba umfama aqalise ukunika iinkomo zakhe ilitye ngaphambi kokuba iinkomo zibhitye yingqele nezinye iingxaki.

Kumele ukuba umfama aqinisekise ukuba iinkomo zakhe zikhotha ilitye yonke imihla ukuze ziqine zimelane neengxaki. Xa engakwazi kufikelela kwimeko yokuba zikhothe ilitye yonke imihla angakwenza oku ngokweentsuku zeveki.

Eli litye likhothwa zezi nkomo kuba liqulethe izakhamzimba eziquka iProtheni nezinye ngeenjongo zokuncedisa amajoni womzimba wenkomo ukuba amelane neengxaki.

Lithengiswa ziivenkile ezithengisa ukutya kwemfuyo namayeza ke eli litye, umfama angalicela icebiso evenkileni malunga nelona litye lifanele iinkomo zakhe.

Ungalibeka eli litye emnyango weentlanti zakho okanye embindi wenkampi yakho kwiindawo ezinokufika kuyo ngaphandle kweengxaki. Amanzi mawabe kufutshane neendawo ezikhotha kuyo ilitye, ukuze xa zigqibile zisele amanzi aneleyo.

Ezinye zeempawu ezibonisa ukuba iinkomo zakho zidinga ukunikwa eli litye zibonakala ngoboya obumileyo, oku kubonisa ukuba ziyayiva ingqele. Nqanda ingqele nezifo zasebusika, nika iinkomo zakho ilitye zixhamle izakhamzimba.