Umfama uMaletsiri Mogodi

Umfama uMaletsiri Mogodi.

Anqabile amanenekazi ancama ubuhle bawo engena kwezolimo, oku kungenxa yokuba amanenekazi ngabantu abazithandayo. UMaletsiri Mogodi ngumfama ophenjelelwe yimfundo yakhe ukuba angene nzulu kwezolimo.

“Ndizalelwe kwindawo ekuthiwa yiGa-Kgoshi eSekhukhune kwiphondo laseLimpopo, apho ukulima kuyinxalenye yempilo yentsapho nganye ekuhlaleni,” kutsho uMogodi. Uthi ukulima yinto eyayisenziwa nguninakhulu owayincanca naye kubazali bakhe.

Umfama uMaletsiri Mogodi.

“Ukuyolima emasimini ibiyenye yezinto eziqhelekileyo kwintlalo yethu yemihla ngemihla, ibiyindlela yokuzenzela ukutya ukuze sitye emakhaya,” kutsho Mogodi.

Emva kokuba egqibe izifundo zebanga leshumi, uMogodi waya kufunda ezolimo kwiYunivesithi yaseTshwane, apho ancance khona ulwazi olunzulu ngezolimo.

“Ngonyaka ka2021 ndafumana isiqwanqwana somhlaba eRhawutini ndaze ndaqalisa ukutyala khona, ndilandela iphupha lam lokuba ngumfama ophume izandla,” kucacisa uMogodi.

Umfama uMaletsiri Mogodi.

Uthi ingxaki yokunqongophala kwamathuba emisebenzi nokunyuka kwamaxabiso okutya zezinye zezizathu ezimkhuthaze ukuba alime ngamandla.

“Ndityala ispinatshi, ikhaphetshu, itswele kwakunye netumata kumhlaba endilima kuwo ngoku, kodwa ndijonge ukuwukhulisa lo msebenzi nangaphezulu,” kutsho uMogodi.

Ukhuthaza amafama amancinci anqwenela ukuqala kwezolimo ukuba ayeke ukuzoyikisela, aqalise ngezinto anazo.

Umfama uMaletsiri Mogodi.

“Amafama amnyama aqalayo mawayeke ukoyika into abangayaziyo, mabaqalise ngezi zinto zikhoyo, makwenziwe uphando ngalonto umntu afuna ukuyilima,” kutsho uMogodi.

Ukhuthaza ulutsha ukuba luqhelane neencwadi, amaphephancwadi namaphephandaba abhala iindaba zolimo.

“Ukuthanda ulimo kusoloko kulikhubalo kwabo bafuna ukulima ngempumelelo, ngoko ke ukuxhoba ngolwazi ngundoqo kwezolimo, ezolimo aziphelelwa abantu basoloko befuna ukutya ngamaxesha onke,” uhambisa atsho uMogodi.

Amanenekazi ingakumbi abantu abatsha bakubona ukulima njengento engenaxabiso, ukulima bakwayamanisa nokuhlupheka, ukungafundi nokungaphucuki.