UZizi Kodwa nabathelekisi basombulula iingxaki ezambethe amanqindi

UZizi Kodwa nguMphathiswa weZemidlalo.

UMphathiswa weZemidlalo, uZizi Kodwa, uza kubamba intlanganiso ebalulekileyo neenkokeli zombutho wabathelekisi, iNational Professional Boxing Promoters Association (NPBPA), aza kuzama kuyo ukusombulula iingxaki ezambethe iBoxing South Africa. Ingxaki iqale phambi kokuphela konyaka ka2023 emva kokuba uMphathiswa wabhengeza amagama wabantu abaza kulawula iBoxing South Africa. Abathelekisi zange basamkele isigqeba esitsha ngelithi uKodwa khange ababandakanye kwinkqubo yokuchonga kwaso.

Iinkokeli zabathelekisi zabalekela eNkundleni ePhakamileyo esePitoli ngelizama ukuthintela ukusebenza kwesigqeba sikaMphathiswa. Kodwa kukhangeleka ngathi onke amacala avumelene kule veki ukuba makasombulule iingxaki zamanqindi esithebeni seengxoxo ngaphandle kwenkundla. “Sisuka entlanganisweni egabule isigcawu nabathelekisi. Sivumelene ngelithi masidibane kwakhona ukuze sixoxe ngendlela eya phambili. Konke oku sikwenza kuba sifuna amanqindi ahambe kakuhle,” utshilo uKodwa.

Njengokuba abathelekisi babalekela enkundleni ukuze kuchithwe isigqeba esingene kwiinyanga ezigqithileyo, uMphathiswa uqale inkqubo entsha yokuchongwa kwabantu abatsha abaza kukhokela umbutho wamanqindi, iBoxing South Afrika. Kukhangeleka ngathi abathelekisi balamkele inyathelo lakhe elitsha ngoba bafuna ukuba nelizwi xa kusonyulwa abantu. “Imeko akuyo amanqindi iyaxhalabisa. Andiqondi ukuba zingawaphucula izinto ezithethwa ngabantu – kodwa ndinethemba lokuba siza kufikelela kwisigqibo esikholisa wonke umntu,” utshilo uMphathiswa.

Ngaphandle kokungasamkeli isigqeba soMphathiswa, abathelekisi bakhale ngokonyulwa kukaMnu. Mandla Ntlanganiso oyingqonyela yeBoxing South Africa. Abamfuni ngoba bathi uKodwa akanalo ilungelo lokonyula umntu oza kukhokela umbutho wamanqindi. “Ndifuna ukubona abathelekisi beququzelela imilo – hayi enkundleni yamatyala,” uvale ngaloo mazwi uMphathiswa. Akukacaci kakuhle ukuba ngubani ofunwa ngabathelekisi kwisigqeba esilawulayo. Kodwa kulindeleke izinto zibuyele esiqhelweni emva kweengxoxo eziza kubanjwa kule veki nguMphathiswa nabathelekisi.