IChippa United izimisele ukuntywilisela iChiefs eduda ndawonye

Abadlali beChippa United emva kokuba ibethe iCape Town Spurs emdlalweni weDStv Premiership.

Emva kokuphumelela umdlalo phakathi kule veki, ngoku iChippa United igxeleshe ukongenza iingxaki zeKaizer Chiefs ngempelaveki. Kulindeleke ukuba kutake iintlantsi xa iChippa idibana neChiefs emdlalweni weDStv Premiership oza kube useBuffalo City Stadium, eMonti, ngentsimbi yesithathu emalanga ngoMgqibelo. Iqela laseMpuma Koloni liya emdlalweni wangomso linamandla emva kokuba libethe iCape Town Spurs ngamagowuli amabini eqandeni emdlalweni obuseNelson Mandela Bay Stadium.

Kanti kwelinye icala, yona iChiefs iyophisa futhi ingqisha ndawonye emva kokuba ibethwe yiStellenbosch FC ngegowuli elinye emdlalweni obubanjelwe eFNB Stadium ebutsheni bale veki. Okuthe kwaphinda kwakubi kukuba iChiefs ilahlekelwe nguLuke Fleurs odutyulwe wabhubha ngamadoda angaziwayo amke nemoto yakhe eGoli ngoLwesithathu ebusuku. Nangona kunjalo, umdlalo uza kunika umdla ngoba iza kudlalela ukubuyisa isidima sayo. Kanti yona iChippa iza kube idlalela ukonwabisa izihlwele zababukeli bebhola ekhatywayo eMonti.

Ukusukela oko iChippa United ibuyele eBuffalo City Stadium ekuqaleni kwalo nyaka, ayikaphulukani namdlalo. Kulindeleke iqhubele phambili nokulwela amanqaku amathathu, ngakumbi xa idlala neChiefs engaqhubi kakuhle. “Iqela likulungele ukwamkela iChiefs. Njengeqela elidlalela ekhaya, kubalulekile ukufumana amanqaku amathathu emva kwelishwa esilifumene sidlala nePolokwane City,” sitshilo isithethi seChippa United. Njengesiqhelo xa kuze iChiefs, ibala kulindeleke ukuba ligcwale kungabikho nendawo yonyathela.

“Sicela abantu baseMonti neendawo eziyingqongileyo ukuba ziyokuxhasa iChippa United ngala mhla womdlalo. Sinethemba lokubavuza ngokubanika amanqaku amathathu. Iphondo leMpuma Koloni lidinga ukutyelelwa liqela elifana neChiefs ukuze ibhola ekhatywayo ikhule,” sitshilo isithethi seChippa. UCavin Johnson namakhwenkwe wakhe kunyanzelekile bazimisele ukuze iChiefs ingaphoxi abalandeli bayo abaphelelwe lithemba emva kokombathwa kweqela labo yindlala yeendebe iminyaka elishumi yonke.