Kuxhwilwe indoda yaseTshayina eGqeberha

ULu Xiao oxhwilwe izolo ngoLwesithathu. UMFANEKISO: SAPS

Abacuphi besikhululo samapolisa saseTinarha bafuna uncedo kuluntu ekufumaneni ummi waseTshayina oneminyaka engamashumi amane anesithathu (43) ubudala owaxhwilwa ngaphandle kwendawo asebenza kuyo ngenjikalanga yayizolo, umhla we10 kuTshazimpuzi ka2024.

Iingxelo zithi malunga nentsimbi ye17:40, uLu Xiao, waphuma apho asebenza khona kudederhu lweevenkile eTinarha.

“Uye wamisa imoto yakhe eluhlobo lweMinibus emhlophe iVW Crafter ukuze avale isango emva kwakhe. Kulapho amadoda amabini angaziwayo aphuma kwimoto ebebekhwele kuyo amnyanzela ukuba akhwele kwimoto yohlobo lweveni emhlophe yeIsuzu Double Cab bemka. Imoto yakhe yaqhutywa ngomnye umrhanelwa,” sitshilo isithethi samapolisa uColonel Priscilla Naidu.

Isizathu sokuxhwilwa kwalo mmi waseTshayina asikacaci. Uphando lwamapolisa luyaqhuba.

Amapolisa acela nabani na onokunceda ekufumaneni uMnu. Xiao ukuba atsalele umcuphi uSajini uRicardo January wesikhululo samapolisa saseTinarha ku-072 217 5772 okanye iCrime Stop ku-08600 10111 okanye isikhululo samapolisa esikufutshane.

Lonke ulwazi luyimfihlo, kwaye abafowunayo banokukhetha ukuhlala bengaziwa.