Uncame ubomi eMelika ezokulima eCameroon

URoland Fomundam, oyinzalelwane yaseCameroon, wachitha iminyaka emine efunda kwiYunivesithi yaseNortheastern eBoston, eMelika, waza kamva wagqiba kwelokuba abuyele eCameroon ezokulima.

Kwabaninzi, akukho lula ukushiya amazwe afana neMelika xa sele ungenile ngaphakathi uze ubuyela ekhaya, ingakumbi kumazwe aseAfrika

Ubomi baseMelika bahlukileyo kwaye bugcwele ubuqheleqhele ingakumbi kubantu abatsha.

URoland uncance nje ulwazi waza wathatha isigqibo sokubuyela ekhayeni lakhe eCameroon ezokuqalisa iphulo lakhe lokuvelisa ukutya ngokulima.

“Injongo ephambili kukondla abantu belizwe laseCameroon, ingakumbi ulutsha, ndifuna ukubabonisa ukuba ukuzenzela ukutya yinkululeko yokuqala,” kucacisa uFomundam.

Kwiinzame zakhe zokwenza ukutya eCameroon, uFomundam sele akhe iifama ezilishumi elinesine evelisa ukutya kwiindawo ezakhelwe umthunzi wokukhusela umoya, ilanga nemvula egqithisileyo.

“Sele ndiqeqeshe abantu abatsha abakwishumi lamawaka ukusukela oko ndiqalile umsebenzi wokulima,” uhambisa atsho uFomundam.

Ilizwekazi laseAfrika linomhlaba otyebileyo onokwenza ukuba abantu beli bakwazi ukuzimela ngaphandle kokuxhomekeka kwiimveliso zamanye amazwe.

“Abantu abaninzi baseAfrika baya kwiindawo ezahlukeneyo zehlabathi besithi bakhangela amathuba okuziphilisa, kodwa ababoni ukuba iAfrika izele ngamathuba,” kutsho uFomundam.

Inkampani yakhe ihamba phambili kwimveliso yemifuno equka iitumato, iiphepha nezinye iimveliso zemifuno.

“Kuyandivuyisa kakhulu ukuba ndikwazi ukuthatha isigqibo esikhulu kangaka, ndikwazi ukubona ithuba elinokujika impilo yam neyabaninzi abanqwenela ukuzimela empilweni,” kucacisa uFomundam.

Ilizwe laseCameroon lelinye lamazwe adlisela ngomhlaba otyebileyo onako konke okunokwenza ukuba iinkqubo zolimo ziphumelele.

“Sinomhlaba owaneleyo, iimeko zemozulu zifanelekile kubantu abatsha abalungele ukusebenza kunye nokwenza iimveliso ngezandla zabo,” kutsho uFomundam.