Ibuyile intengiso yeAnkole yasesidlangalaleni

Iinkomo zeAnkole zibuya emadlelweni.

Umbutho wamafama athengisa iinkomo zohlobo lweAnkole, iAnkole Society of South Africa izakuqhuba intengiso yasesidlangalaleni eqhutywa minyaka le.

Olu hlobo lwenkomo lufumene udumo emva kokuba le nkomo ithengwe nguMongameli weli uCyril Ramaphosa.

Ingxelo ithi uRamaphosa waba ngumntu wokuqala ukuthenga le nkomo kweli loMzantsi Afrika, kwaye oku kukhuthaze amafama amaninzi ukuba athenge olu hlobo lwenkomo.

Minyaka le intengiso yezi nkomo itsala amehlo wamafama asuka kwiindawo ezahlukeneyo zelizwekazi laseAfrika.

Amanye amafama azimasa le ntengiso ngelizama ukufunda nzulu ngolu hlobo lwenkomo okanye ukuzikhuthaza ukufunda banzi ngeAnkole.

Amazwe afana neUganda neKenya ahamba phambili ukuthengisa olu hlobo lwenkomo eAfrika nakwihlabathi.

Inkomo yeAnkole iqhayisa ngobuhle bayo. Umfanekiso: Raul Rodriguez

Amafama wehlabathi aqale ukubona olu hlobo lwenkomo kwilizwekazi laseAfrika nanjengoko imvelaphi yale nkomo isuka kweli laseAfrika.

Nangona ixabiso lale nkomo liphezulu, kodwa amafama weli aqalile ukubonisa umdla wawo kule nkomo. Ifama iPhala Phala kaMongameli uCyril Ramaphosa yenye yeendawo ezidla ngokusetyenziswa ngamandla ukuthengisa olu hlobo lwenkomo.

Iingcali zempilo zithi inyama yeAnkole inezithako ezincedisa ukugcina amaqondo obushushu begazi ekumgangatho ofanelekileyo. Oku kwenza ukuba inyama yeAnkole ibeyeyona nyama ithandwa kakhulu ngabo bakhathalele impilo yabo.

Ezi nkomo ziyakhula kweli loMzantsi Afrika ngenxa yokuba amafama ebonisa ukuthanda kwawo olu hlobo lwenkomo. Kuthiwa ubukhulu beempondo zale nkomo kubangela ukuba uphole umzimba wayo.

Ukuphola komzimba wenza ukuba ikwazi ukumelana neemeko zengqatsini yelanga elixhaphakileyo kumazwe aseAfrika.