UMzantsi Afrika umonelwe yimvula uze kakubi emdlalweni obuseMonti!

Emva kokubethwa emdlalweni wosuku olunye kwiveki ephelileyo, iqela lesizwe lamanenekazi adlala iqakamba belizimisele ukubuyisa isixhiba izolo. Ngelishwa elikhulu, lo nto ayenzekanga emva kokuba umdlalo uye wachithwa ngenxa yemvula ebisina nangamandla eMonti ebusuku izolo. Indlela uTazmin Brits noLaura Wolvaardt abaqale ngayo umdlalo wosuku olunye (ODI) ibincumisa kakhulu eBuffalo Park. Itosi iphunyelelwe yiSri Lanka ekhethe ukuthi uMzantsi Afrika mawungene kuqala.

UBrits, obe ngumdlali ophambil, wenze umahluko omkhulu ngoba ufumene imitsi elikhulu enileshumi elinesithandathu (116/128) emdlalenii ochithiweyo izolo. Ibiyimini entle kakhulu kwiqela lesizwe loMzantsi Afrika ngoba kumangelo walo, liphume lenze amakhulu amabini anamashumi asixhenxe kuwe oothinti abathandathu. Omnye wabadlali abadlale kakuhle izolo, uWolvaardt, ubanjwe nguKaveesha Dilhari xa kanye iProteas Women inamashumi alithoba kuwe uthinti omnye.

Kungene omnye umdlali ozamileyo naye, uAnneke Bosch, oncede uMzantsi Afrika waqabela kwikhulu elinamashumi amahlanu (150). UBosch noBrits benze imitsi engamashumi ashixhenxe phambi kokukhutshwa ngu’Oshadi Ranasinghe ozibethe zanxila izinti emva kwakhe. Indawo kaBosch ithathwe nguSune Luus owongeze amashumi amane emitsi kwiibhola ezingamashumi amathandathu anesixhenxe. ULuus uye wakhutshwa naye nguSungadika Kumari.

Abadlali beSri Lanka besekulula kubo ngoko ngoba bebesiwisa oothinti kakhulu. Kuthe sekungaseni, ixesha lokuphuma kwawo uMzantsi Afrika lisondele, uBrits uye wakhutshwa enekhulu lakhe elineshumi elinesithandathu lemitsi. Umntu ofike wenza isitshingitshane emva kwakhe nguNadine de Klerk oqhokre ibhola wafumana imitsi engamashumi amathathu anesine ekhawulezileyo kwiibhola ezingamashumi amabini anambini. Kwelinye icala, uDelmi Tucker uvale umdlalo emitsi esibhozo waba uMzantsi Afrika ufumana u270 kuwe oothinti abathandathu.