Owadlwengula isithandwa sakhe ugwetywe ubomi entolongweni

Indoda eneminyaka engamashumi amathathu anesithandathu (36) ubudala igwetywe ubomi entolongweni emva kokufunyanwa inetyala lokudlwengula inkosikazi eyayithandana nayo ngoko yiNkundla yeNgingqi yasePetrusburg.

Lo wasetyhini onamashumi amathathu anethoba (39) kunye nomtyholwa onamashumi amathathu anesithandathu (36) bebethandana ngexesha lesehlo esenzeke eBolokanang, ePetrusburg ngomhla wesine kuCanzibe ngo2023 malunga nentsimbi yesibhozo ebusuku.

Kutyholwa ukuba ixhoba beligoduka lisuka kwishibhini eseBolokanang ngethuba lidibana nomtyholwa owacela ukulikhapha. Bathe bakufika ekhaya bangena endlini bobabini.

Isithethi samapolisa uSajini Mahlomola Kareli uthi ngethuba engaphakathi endlini, umrhanelwa wamtyhola ngokulala namanye amadoda. Walibetha ixhoba emva koko walidlwengula izihlandlo ezithathu ngobo busuku.

“Ixhoba likwazile ukuqhwesha laza labika ngesiganeko kwisikhululo samapolisa sasePetrusburg ngosuku olulandelayo.

“Ityala lodlwengulo lavulwa ladluliselwa kwiCandelo elijongene nobuNdlobongela kuSapho, uKhuseleko lwaBantwana noLwaphulo-mthetho ngokweSondo eKoffiefontein kwaye uSajini uBeulah Sedia wayengumphandi weli tyala. Esebenzisana noMtshutshisi uMnumzana uNdyalivane weGunyabantu lezoTshutshiso (NPA), umrhanelwa ubanjwe kwiintsuku ezimbini emva kwesi sehlo,” utshilo uKareli.