Kubanjwe abarhanelwa abathandathu emva kokubulawa kukaLuke Fleurs!

AmaPolisa ephondo laseGauteng anqakule avalela abarhanelwa abathandathu abasolwa ngokubandakanyeka ekubulaweni komdlali weKaizer Chiefs, uLuke Fleurs. NgoLwesine weveki ephelileyo, abalandeli bebhola bavuswe ngeendaba ezithi uFleurs akasekho emhlabeni. Ingxelo amadoda amabini amkhomba ngompu aze oxutha imoto yakhe eyiVW GIT Golf 8 eyokutha amafutha kwindawo ekuthiwa yiHonedew, eGoli. Amdubula amshiya emosele ngoba kuvakele into ethi wagoloza nemoto yakhe ngobusuku bangoLwesithathu.

Emva kokuba uMkomishinala wephondo, uNjengele Tommy Mthombeni, edibanise oochwephesha babecuphi, kuthiwa bafunyenwe abarhanelwa ngokubandakanyekayo kwesinye seziganeko ezibi kwiphondo laseGauteng. Kwangaxeshanye, AmaPolisa athe ayifumene imoto kaFleurs – kodwa seyityhuthulwe izinto ezithileyo. Ingxelo yabasemagunyeni ithi abarhanelwa babanjwe kwindawo ekuthiwa kuseSlovoville, eSoweto, ekuseni kakhulu namhlanje (Lwesithathu). Kuthiwa njengokuba uphando lusaqhubela phambili, kunokwenzeka kubanje abanye abantu.

“Abarhanelwa babanjwe ekuseni (ngoLwesithathu). Kanti yona imoto ifunyenwe ngoMvulo wale veki. “Siyakrokra ukuba abarhanelwa basebenzisana neqela elithile elithatha iimoto zabantu ngenkani apha eGauteng,” utshilo uMasondo osisithethi samaPolisa. UFleurs, 24, uhambe emhlabeni engumdlali weKaizer Chiefs. Ngelishwa ebengekayidlaleli ngokusesikweni kule sizini emva kokutyikitywa kwiinyanga ezigqithileyo. Uchithe iminyaka eliqela edlalela iSuperSport United azenzele igama elihle kuyo njengomdlali wasemva osemgangathweni ophezulu.

Uyishiyile iSuperSport United emva kokungasetyenziswa nguGavin Hunt. Amapolisa athi abarhanelwa baza kuvela enkundleni ngoLwesihlanu wale veki. Kulindeleke ukuba kubekho inkonzo yesikhumbuzo ngomso okanye ngoLwesihlanu phambi kokuba ayokubekwa kwikhaya lakhe lokugqibela kwiphondo leNtshona Koloni. Ukubulawa kwabantu sekuthathe olunye unyawo eMzantsi Afrika. Kwiiveki ezigqithileyo, AmaPolisa abulele amaqela ohlukeneyo amadoda aberhanelwa ngokwenza izenzo zolwaphulomthetho KwaZulu-Natal naseMpumalanga.