Kufuniswa ngamadoda amabini asuke anyamalala

UNtlahla Hobongwana (40) waseGqamlana eNew Brighton, kubongozwa onolwazi malunga naye atsalele amaPolisa.

Oku kunyamalala kwamadoda kummandla waseGqeberha kuza emva kokuba ingamadoda amabini angazaniyo nangaziwayo apho akhoyo, uNtlahla Hobongwana noThanduxolo Williams, nanyamelele ngokohlukana nangeentsuku ezohlukeneyo omnye ngowaseNew Brighton logama omnye ingowaseBayland kwaseGqeberha.

UNtlahla Hobongwana (40) ugqityelwe ukubonwa ngomhla wesine (4) emva kwenstimbi yesibini emva emini eshiya ikhaya lakhe elikwisitalato iGqamlana eNew Brigthon akatsho nokuba uyaphi xa ehamba.

Usapho lwakhe lwaya lwayokuvula ityala eNew Brighton emva kokuqengqeleka kweentsuku engade abuye.

Malunga nokunyamalala kukaHobongwana, uCaptain Andre Beetge ubongoza nabani na onokuba nolwazi ekubeni atsalele uDetective Warrant Officer Dick Brown ku-081 256 7308 okanye ku-08600 10111.

UThanduxolo Williams (35) waseBayland eGqeberha, kubongozwa onolwazi malunga naye atsalele amaPolisa aseDespatch.

Lo gama naye uWilliams (35) waseBayland nongumqhubi weeteksi zikaJikeleza egqityelwe ukubonwa ngomhla wesithandathu (6) phambi kwentsimbi yesixhenxe ekuseni ephangela naye nongazange abe uyabonwa.

Ingxelo ithi, uWilliams udla ngokuba kwirenki ekudederhu lweevenkile eyaziwa ngokuba yiZiyabuya Shopping Mall. UWilliams akazange abuyele ekhaya ngaloo mini njengesiqhelo.

Intokazi kaWilliams ivule ityala lokulahleka namhlanje uLwesithathu kuba ebona singade singene isithandwa sakhe emnyango.

Onolwazi uyabongozwa atsalele kwaSAPS eDespatch, atsalele uDetective Warrant Officer Llewellyn de Vries ku-082 441 7828 okanye 041 933 8000/8600 10111.