iR350 imenze umfama

Umfama uHlahla Koena ethengisa imveliso yemifuno yakhe.

UHlala Koena wasePolokwane eLimpopo usebenzise isibonelelo sikarhulumente seR350 ukuqala ishishini lezolimo.

UHlahla yinzalelwane yaseMoletjie Ga-Hlahla eLimpopo, waqala ukulima ngo2021 kumhlaba omncinci kakhulu. Abaninzi bakubona ukungabi namhlaba njengomqobo kwinkqubo yokuziphuhlisa kwezolimo.

“Ndiqale ukulima kuba bendizama ukudala ithuba lomsebenzi kum, ndaqaphela ukuba iyakhula ingxaki yokungabikho kwengqesho kweli,” kucacisa uKoena.

Ispinatshi sikaHlahla emasimini.

Liyanda inani labantu abatsha abafuna imisebenzi eMzantsi Afrika nakwihlabathi ngokubanzi endaweni yokuba lehle.

“Umyalezo wam kulutsha ngowokuba mabayeke ukuthetha okanye ukuchitha ixesha kwiingxoxo ezingancediyo, mabaqalise ukwenza ukuze bakhule kulo nto bayenzayo,” kutsho uKoena.

Uthi abantu abatsha mabaqalise ukwenza izinto ngokusebenzisa imali encinci abanayo ukuze bakhule kwiinzame zabo zemihla ngemihla.

“Icebo lelokuba ulutsha luyeke ukulindela uncedo kwizihlobo okanye kwizalamane zalo, maluvuke lwenze into eza kulukhulisa kwiimbono zalo zobomi,” kutsho uKoena.

UHlahla nemifuno yakhe.

Uhambisa athi abantu abatsha mabaqalise ukwenza amashishini amancinci afana nokulima igadi, ukubhaka nezinye.

“Ukuqala ishishini lakho kukuvumela ukuba ubone amanye amathuba obungawalindelanga ebomini bakho, ukukhula kwishishini kuqala ngokwenza iinzame ezincinci,” kutsho uKoena.

UKoena ukhuthaza ulutsha ukuba luqhele ukuzixhobisa ngolwazi oluhambelana nezinto olunqwenela ukuzenza ebomini.

“Xa umntu efuna ukuqalisa ukuba ngumlimi kufuneka ukuba akhangele ulwazi malunga neendlela zokulima nokufuya, oku kuyakunceda ukuba uqalise umsebenzi wakho usekelezelwe kulwazi olubanzi,” kutsho uKoena.

Ibhathanathi eveliswe nguHlahla.

Abantu abatsha kwiphondo laseLimpopo bahamba phambili ngokusoloko bebonisa inkuthalo ekwenzeni izinto ezinokubanceda balwe nendlala.

Ukuhamba kancinci kwezinga lokukhula kwemeko yoqoqosho kweli kwenza ukuba eli lingakwazi ukudala amathuba emisebenzi kuqeshwe abantu belizwe loMzantsi Afrika.

“Ukuyithanda into oyenzayo yeyona ndlela inceda ukuba amafama akhule aqhubekele phambili kumsebenzi wokulima nokufuya,” kucacisa uKoena.

UKoena ngumlimi webhathanathi, ispinatshi, bhithiruthi nezinye, kwaye uthengisa kumashishini amakhulu akufutshane.